1. Ukuqalela kwikota yesi-2 ka-2004 iSebe leMfundo leNtshona Koloni liza kuqhuba oomasifundisane (workshops) ukwenzela ukuqinisekisa ukuphunyezwa ngempumelelo kwesiCwangciso seNgqesho ngoBulungisa (Employment Equity Plan) ngawo onke amaziko emfundo aphantsi kolawulo lwalo.
2. Njengoko ukuqondwa ngokupheleleyo kwayo yonke imibandela ephathelele ekuphunyezweni kwesiCwangciso seNgqesho ngoBulungisa kubaluleke kakhulu, aba masifundisane baya kusingatha, phakathi kwezinye izinto, oku kulandelayo:
  • UMthetho weNgqesho ngoBulungisa (Employment Equity Act)

  • INgqesho ngoBulungisa nenyathelo lokunika amathuba kwabo bebewavinjwa ngaphambili

  • Ukwazi okuthethwa kukwamkelana kweentlanga ngeentlanga ezahlukeneyo

  • Uphuhliso lwezakhono ukwenzela ukukhuthaza ingqesho ngobulungisa

3. Kuya kufuneka ngalinye iziko lithumele kumasifundisane abameli abathathu (intloko yeziko, ummeli wootitshala nosihlalo webhunga lolawulo lesikolo).
4. Abaphathi beesekethe baya kuyazisa imihla yokuqhutywa koomasifundisane kwiisekethe zabo. Phambi kokuya kumasifundisane kufuneka umthunywa ngamnye alungise iimpendulo ezimfutshane kwimibuzo embalwa eya kubuzwa.


ISAYINWE: NGU-L.R. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:04:13