1. Amabhaso kazwelonke okuwonga ootitshala abonisa ukuthathelwa ingqalelo kokwenza umsebenzi ngokugqibeleleyo nenqanaba eliphezulu lobungcali emsebenzini yaye akwanika abo bakwimfundo ithuba lokubhiyozela impumelelo yootitshala abamsebenzi uqaqambileyo. Ngaphezu koku aqaqambisa ngakumbi umsebenzi owodwa owenziwa ngootitshala ngokubanzi. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linebhongo ngokuba liza kubamba yaye liququzelele unikezelo lwala mabhaso kazwelonke okuwonga ootitshala kweli phondo.
2. Ami ngolu hlobo lulandelayo amahlelo ahlukeneyo ala mabhaso:
IHLELO: UKUTSHATSHELA KUPHUHLISO LWEMFUNDO YABANTWANA ABANCINCI
IHLELO: UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI KWIZIKOLO ZASEPRAYIMARI
IHLELO: UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI KWIZIKOLO ZASESEKONDARI
IHLELO: UKUTSHATSHELA KUBUNKOKELI KWINQANABA LASEPRAYIMARI
IHLELO: UKUTSHATSHELA KUBUNKOKELI KWINQANABA LASESEKONDARI
IHLELO: UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI ABEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA
IHLELO: UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI ABEMFUNDO YABADALA
(Ihlelo elitsha) IHLELO: IBHASO LOKUPHUMELELA KWIMFUNDO YEXESHA LONKE LOKUPHILA
3. Bayacelwa bonke ootitshala ukuba babe nenxaxheba kule nkqubo ngokuthi bangenise amagama abatyunjiweyo (iqhotyoshelwe imilinganiselo nefomathi) kwiinqununu zabo/kubaphathi bamaziko abo. Iinqununu/abaphathi bamaziko baya kuwathumela kumaZiko oLawulo noPhuhliso lweMfundo (EMDC) abo. Ukuba ufuna nayiphi na ingcaciso eyenye, qhagamshelana nomnye waba baququzeleli balandelayo:
South Cape/Karoo:  Fernholdt Galant 
Breede River/Overberg:  Japie Bailey and Leon Rousseau 
West Coast/Winelands:  JA Mouton and Michael le Cordeur 
Metropole South:  Bernard Daniels and Nick Sayster 
Metropole East:  Philip Saunders and Nelson Mama
Metropole North:  Martie Bekker
Metropole Central:  Karen Jansen and Gloria le Keur
4. Kukwafakwe apha incwadi esemthethweni YamaBhaso kaZwelonke okuWonga ooTitshala yango-2003 enamagama neenkcukacha zabo baphumelelayo ngaphambili.
5. Kucelwa wazise bonke ootitshala bakho okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J. SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:04:01


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule kwingcaciso, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).