1. Kufike ileta evela kubaququzeleli beBhaso loNyaka likaShoprite Checkers - SABC2 lokuWonga amaKhosikazi aGqwesileyo ngo-2004 ekucelwe kuyo iSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba lithumele amagama abo batyunjelwe olu khuphiswano.
2. Ami ngolu hlobo amahlelo eli Bhaso:
IiNkonzo zezeNtlalontle (Social Services)
EzobuGcisa neNkcubeko (Arts and Culture)
OoSomashishini (Business Entrepreneurs)
EzeMicimbi yesekuHlaleni (Community Affairs)
EzeMfundo (Education)
EzeMpilo (Health)
EzamaJelo eeNdaba noNxibelelwano (Media and Communication)
EzeMidlalo (Sport)
EzeSayensi neThekhinoloji (Science and Technology)
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kujolisa kwihlelo lezeMfundo.
4. Siya kukuthakazelela kakhuIu ukuba ungathumela amagama abatyunjiweyo kule ofisi ungadlulanga owoku-12 April 2004, ukuba athathelwe ingqalelo ngulo: D.D. White, room 873, Western Cape Education Department, Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town 8001. Amagama atyunjiweyo makahambe kunye nengcaciso efunekayo njengoko kubonisiwe kwikhweshine eqhagamshelweyo.
5. Siya kuyivuyela kakhulu intsebenziswano yakho ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-L.R. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:03:18

Nomination Form  (ubukhulu: 54 KB)