1. ISebe lezeMpilo lazise iSebe leMfundo leNtshona Koloni ngezicwangciso zalo zephulo lokugonyela ipoliyo nemasisi abantwana abangaphantsi kweminyaka emi-5 ubudala.
2. Eli Sebe leMfundo liyazixhasa ezi nzame yaye licela ukuba zonke izikolo zicele ootitshala, abasebenzi abangengabo ootitshala nabafundi bakhuthaze abazali nabanyamekeli babantwana (caregivers) ukuba base bonke abantwana abangaphantsi kweminyaka emihlanu ubudala kwiikliniki zempilo ezikufutshane okanye kwiindawo ekugonyelwa kuzo ngawo omabini la mathuba alandelayo:
Umjikelo wokuqala wogonyo: 26 - 30 Julayi 2004
Umjikelo wesibini wogonyo: 30 Agasti - 3 Septemba 2004
3. Kubalulekile ukuba izikolo zikhumbuze abazali nabanyamekeli babantwana ukuba abantwana mabasiwe kugonyo kwimijikelo yomibini yale nkqubo.
4. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, ziyacelwa izikolo ukuba zifunde ezi zaziso ziqhotyoshelweyo, nentetho ekhutshwelwe abamajelo eendaba (press release) kunye noxwebhu olusihloko salo sithi Measles and Polio: Questions and Answers.
5. Nceda ukwazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane nakumaxwebhu ahamba nayo bonke ootitshala, abasebenzi abangengabo ootitshala nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:12:19

Notice  (ubukhulu: 71 KB)