1. Enye yeyona mingeni mikhulu ejongene nezemfundo yintlekele esemnyango nesisoyikiso yeAIDS. Uphando lungqina ukuba izikolo zisengowona vimba (ngokusesikweni nangokungekho sesikweni) wolwazi usisiseko wabantu abatsha kuthintelo lweAIDS. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizinikele ekubetheleleni le ndima ukuqinisekisa ukuba ulutsha lwethu lufumana ulwazi, izakhono, iingcinga ezithile (attitudes) neemfundiso zentlalo (values) ukwenza nokuzigcina ngokusempilweni, nokuthatha izigqibo ezibonisa inkathalo ngobomi.
2. Uqeqesho olusekelwe kwezekharityhulam lwe-HIV/AIDS nolwezakhono zobomi zokwazi ngezesini (sexuality life-skills) luya kunikwa kootitshala bamaBakala 8 nawe-9 ukususela kuSeptemba 2004, kuze kulandele abamaBakala 10 ukuya kwawe-12 ngoJulayi 2005. (Abanye ootitshala abali-10 000 bezikolo zaseprayimari sebelufumene uqeqesho lwalo msebenzi ubalulekileyo.)
3. Nakuba kunjalo, njengesongezelelo ekufundiseni okujoliswe kwezekharityhulam, nasekuququzeleleni ukufundisana kwabafundi kunye nokufundisa kumaxesha asemva kweeyure zesikolo kwizikolo zasesekondari, inani eliqingqekileyo lootitshala linikwa ithuba lokuthatha inxaxheba kwinkqubo yoqeqesho edibeneyo ye-loveLifestyle - neya kuqhutywa ngethuba leeseshoni zoqeqesho ezilishumi kwiphondo lonke ukususela kuJulayi ukuya kuSeptemba 2004. Olu qeqesho luya kuquka ezi modyuli zine zilandelayo:
  • Body Ys (Ulwazi ngempilo yesiqu sakho) - Intlalo-ntle ngokupheleleyo, impilo nezesini

  • Motivation (Inkuthazo) - ukumisela iinjongo ezithile nokuthathwa kwezigqibo ngabantu abatsha

  • Destination Imagination (Umfanekiso-ngqondweni wokufikelela kokuthile ebomini) - iindlela zokusombulula iingxaki ezibonisa ezidlamkileyo

  • Debating (Ingxoxo-mpikiswano) - ukunika abantu abatsha iqonga lokushukuxa ngokuzithemba izinto abakholelwa kuzo.

Ootitshala ababini kwisikolo sesekondari ngasinye bayamenywa ukuba bathathe inxaxheba yaye nikhuthazwa ngokukodwa ukuba nilixhase eli linge.

4. Fumana la maxwebhu alandelayo ancanyathiselwe:
  • Incwadi evela kuMphathiswa weMfundo wePhondo ebongoza izikolo ukuba zithathe inxaxheba kule program

  • Iinkcukacha zemihla yoqeqesho, amaxesha neendawo ezoqhutyelwa kuzo ezi program

  • Ifom yokubhalisa

  • Iphowusta.



ISAYINWE: NGU-M.J. THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:07:16

Incwadi evela kuMphathiswa weMfundo wePhondo  (ubukhulu: 32 KB)
Iinkcukacha zemihla yoqeqesho, amaxesha neendawo ezoqhutyelwa kuzo ezi program  (ubukhulu: 15 KB)
Ifom yokubhalisa  (ubukhulu: 8 KB)