1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kuqhuba uphando ngemigangatho yolwazi lokufunda nokubhala nokubala kubafundi beBakala 3 kweli phondo ngo-Oktobha noNovemba 2004.
2. Olu phando malungaphazanyiswa noVavanyo lweNkqubo yeMfundo (Systemic Evaluation) lwabafundi beBakala 6, (khangela kwiSetyhula 0024/2004 ), oluza kuqhutywa ngoSeptemba 2004 liCandelo lokuQinisekisa ngemiGangatho lakwaNdlunkulu.
3. Eyona njongo ephambili yolu Vavanyo lweBakala 3 kukujonga imigangatho yolwazi lokufunda nokubhala nokubala yabafundi kunye nenkqubela yabo ekufikeleleni kwimigangatho eyiyo yolwazi lokufunda nokubhala nokubala. Olu vavanyo luza kususela kwiNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke eHlaziyiweyo (Revised National Curriculum Statement). Kwakhona olu vavanyo luza kunceda ekulungiseni undonakele luze ngaloo ndlela luncedise iSebe leMfundo eli ekucwangciseni umsebenzi wokunika inkxaso nophuhliso ezikolweni.
4. Sele eqalisiwe amalungiselelo oku yaye ziza kwaziswa zonke izikolo ezinabafundi beBakala 3 kungekudala ngenkqubo eza kulandelwa kunye nezinye iinkcukacha zezolawulo.
5. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule ngcaciso emfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo, ngakumbi ootitshala beBakala 3.
6. Nayiphi na imibuzo ngokumalunga nokuqulathwe kule ngcaciso emfutshane mayibhekilwe kuGqr R.S. Cornelissen kule nombolo yefoni (021) 467-2286 okanye ithunyelwe nge-imeyili kuye Dr Cornelissen apha rcornelissen@pgwc.gov.za.
7. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-P.PRESENT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:05:07