1. NgokweSigqibo 7 sowe-2000 seBhunga eliQuquzelela uThetha-thethwano laBasebenzi beNkonzo kaRhulumente (Public Service Co-ordinating Bargaining Council) nangokweSigqibo 7 sowe-2001 seBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (Education Labour Relations Council), onke amasebe karhulumente kwanyanzeleka ukuba aguqulele iikhredithi zekhefu (elaliziintsuku zekhalenda) labasebenzi benkonzo karhulumente kunye nelootitshala elaye lagcinakala phambi kokuqaliswa kwenkqubo entsha yekhefu, zaziikhredithi zekhefu (laziintsuku zomsebenzi). Kwimeko yabasebenzi benkonzo karhulumente, umhla wokuqaliswa kwale nkqubo yayingowoku-1 Julayi 2000, ukanti kootitshala yayingumhla woku-1 Januwari 2002.
2. Ngokwenjenje iSebe leMfundo leNtshona Koloni lingqina ukuba lo msebenzi mkhulu kangaka ugqityiwe yaye neofisi yoMphicothi-zincwadi Jikelele (Auditor General) ivakalise ukwaneliseka yinkqubo yophicotho lwekhefu. Eli Sebe leMfundo ngoku linako ukwazisa bonke abasebenzi benkonzo karhulumente kunye nootitshala, elowo nalowo, ngeekhredithi zekhefu abanazo. Isaziso ngeekhredithi zekhefu lomntu ngamnye siya kuthunyelwa kwiintloko zamaziko emfundo kungekudala.
3. Iintsuku zekhefu ezaqokelelanayo ukuya kutsho ku-2000 ngokumalunga nabasenzi baka rhulumente naku 2001 ngokumalunga nabafundisi ntsapho, zitshintshiwe ekubeni beziziintsuku zeveki zenziwa intsuku zomsebenzi ngokungqinelana nenqubo entsha yokubalwa kwekhefu. Iintsuku zekhefu ezingama-210 ngaphambi kwango-2001 ziye, umzekelo, zatshintswa zaba ziintsuku zekhefu ezili-150 (210 x 5/7). Oku akuzi kuyichaphazela nganto intlawulo yesipho esiyimali ngenkonzo eyenziweyo njengoko kwifomula ngoku sibalwa kususelwa kwiintsuku zomsebenzi ezingama-261 ngonyaka, kungasasuselwa kwiintsuku zeveki ezingama-365 ngonyaka.
4. Abasebenzi abanqwenela ukubuza ngeekhredithi zekhefu abanazo banokukwenza oku ngokubhalela kwenye yezi dilesi zilandelayo:

Eyabasebenzi benkonzo karhulumente:

The Director: Personne Management: (Public Servants)
Western Cape Education Department
Private bag x 9114
CAPE TOWN
8000

Eyootitshala

The Director: Personnel Management: (Educators)
Western Cape Education Department
Private Bag x 9114
Cape Town
8000
5. Nceda uyazise le ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abaphantsi kweliso lakho ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:27