1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liye lafikelela kwisigqibo sokuba lipapashe izintlu zezithuba ezimbini ngo-2005. Ngalunye uluhlu lwezithuba luya kuba nezithuba zonyuselo-sikhundleni (kubandakanywa nezithuba zeenqununu) kunye nezithuba zenqanaba 1.
2. Mazincede iinqununu ziqinisekise ukuba iifom zezaziso zopapasho lwezithuba zingeniswa kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ingadlulanga imihla eboniswe kumhlathi 4 apha ngasezantsi nokuba ikopi yesaziso sopapasho ithunyelwa kumphathi wesekethe ochaphazelekayo ngenjongo yokumazisa. Izaziso zopapasho lwezithuba ezifike kade aziyi kwamkelwa. Kwangokunjalo akukho zicelo zezithuba ezipapashiweyo ezifike emva komhla wokuvala ziya kwamkelwa.
3. Izaziso zopapasho lwezithuba mazithunyelwe kulo:
Head: Education 
(For attention: Mrs N Solomons)
9th floor
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
4.

Esi sicwangciso silandelayo sinika imihla ekujongwe ukuba kupapashwe ngayo kunye nenye ingcaciso echaphazelekayo:

Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezaziso zezithuba Umhla wokuvalwa kweekho-menti ngezintlu zezithuba ezithunyelwa ngekhomp-yutha Umhla wopapasho loluhlu lwezithuba Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezicelo zomsebenzi Umhla wokuvalwa kokuthunyelwa kwezicelo zomsebenzi ezikolweni Umhla wokuvunywa kwamagama abo batyunjiweyo Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kweefom zabatyunjiweyo ezivela kumabhunga olawulo Umhla ekujongwe ukuba kuqeshwe ngawo
9-2-2005 23-2-2005 2-3-2005 24-3-2005 15-4-2005 13-5-2005 10-6-2005 1-7-2005
1-10-2005
1-1-2006
24-6-2005 22-7-2005 29-7-2005 26-8-2005 23-9-2005 21-10-2005 25-11-2005 1-1-2006

5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linika ingqinisekiso yokuba, ngaphandle kokuba kukho iimeko ezizodwa, le mihla iboniswe apha ngasentla iza kuhlonitshwa. Kuya kwenziwa amalungiselelo awodwa okuqinisekisa ukuba imihla esikiweyo ephantsi kolawulo lweli Sebe leMfundo ayisayi kuphoswa. Nakuba kunjalo, ukwenzela ukuba kuphunyezwe oku kuzibophelela, kubaluleke ngendlela eyodwa ukuba nabanye abathathi-nxaxheba babe nentsebenziswano nabo ngokuthi bangayiphosi imihla esikiweyo ababekelwe yona. Ngokumalunga noku, kubhekiselelwa ngakumbi kwimihla yokungeniswa kwezaziso zezithuba kunye nokufika kwamagama abo batyunjiweyo avela kumabhunga olawulo ezikolo. Ukuba iinqununu namabhunga olawulo ezikolo bayayiphosa imihla esikiweyo, abanako ukulindela ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni lihambe ngqo ngokwemihla esikiweyo elandela emva koko. Ngako oko ke oku makungakhokeleli ekucingeni ukuba amagama abo batyunjiweyo afike emva komhla obonisiweyo aya kugqityezelwa kwangexesha, yaye kwiimeko ezinjalo iSebe leMfundo leNtshona Koloni linokwenza isigqibo sokuqesha ngokwemigqaliselo emiselwe ngumthetho.
6. Oku kuzibophelela kweenqununu namabhunga olawulo ezikolo makubonwe njengenzame zokulawula lo msebenzi ubaluleke kangakanana kulandelwa imithetho kunye nezobudlelwane emisebenzini nokwenzela ukuba kuzuze wonke umntu.
7. Intsebenziswano yomntu wonke ochaphazelekayo iya kwenza siqinisekise ngokulawulwa ngempumelelo kwale nkqubo yaye siya kuyithakazelela kakhulu.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:12:03