1. Ngokwemigaqo yeNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (Revised Post Distribution Model) (RPDM) izithuba zootitshala ezabelwa amaziko kufuneka zithunyelwe ezikolweni ngaphambi okanye nge-30 Septemba yonyaka ongaphambili. (Khangela kwiSihlomelo A seSetyhula 0143/2002 ye-15 Novemba 2002).
2. UMphathiswa weMfundo, imibutho yabasebenzi kunye nemibutho yamabhunga olawulo ezikolo eyaziwayo yeli phondo baqalise iingxoxo zothetha-thethwano ngenani lezithuba elinganako ukuhlawula imivuzo yalo ngo-2005 iSebe leMfundo leNtshona Koloni. UMphathiswa nabanye abathathi- nxaxheba bakwabambe iingxoxo zokubonisana ezinenxaxheba mpela ekwabelweni kwamaziko izithuba. Sele kubonakala ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni alinako ukuzikhupha ezi zithuba zabelwe amaziko ngaphambi kokuphela kuka-Oktobha okanye kwasekuqaleni kukaNovemba 2004.
3. Kucelwa wazise amabhunga olawulo nootitshala ngokulibaziseka kokukhutshwa kwezithuba ezabelwa amaziko zango-2005. Nangona kunjalo sinethemba lokuba oku kulibaziseka kuza kuthi ekugqibeleni kube yinto elungiselela ngakumbi izikolo zethu.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:09:03


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule kwingcaciso, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).