1. Ngokomhlathi 5 woMgaqo D.XVI weeNkonzo zikaRhulumente (Public Service Code DXVI) nomhlathi XXVIII (3) weSigqibo se-PSCBC 3/1999, nekufuneka ufundwe kunye neSigqibo 6/2003, isibonelelo siyenziwa malunga nokuwongwa
1.1 Kwalowo unenkonzo engama-20 eminyaka esisigxina, engazange yaphuke, ezinzileyo, ngokuthi awongwe ngesatifikethi esifanelekileyo kunye nelungelo lokuzikhethela ukuguqulela iintsuku ezili-10 zekhefu umenzi-sicelo anazo zisiwe emalini.
1.2 Ngenkonzo engama-30 eminyaka esisigxina, engazange yaphuke, ezinzileyo, ngokuthi awongwe ngesatifikethi esifanelekileyo kunye nelungelo lokuzikhethela ukuguqulela iintsuku ezili-15 zekhefu umenzi-sicelo anazo zisiwe emalini.
2. Nawuphi na umsebenzi (kubasebenzi bakarhulumente okanye ootitshala) weSebe leMfundo leNtshona Koloni ozanezayo iimfuneko eziku-1.1 okanye u-1.2 kwithuba elisusela kumhla woku-1 Januwari 2004 ukuya kowama-31 Disemba 2004 angayinikwa ingqwalaselo yokufumana ibhaso lokuwongwa.
3. Umntu ekubhekiswa kuye ngumhlathi 2 makabonise kwiSihlomelo A ukuba uyakunqwenela kusini na ukuguqulela emalini iintsuku zekhefu anazo nezikhankanywe kumhlathi 1.1 no-1.2. Nje ukuba ukuba umntu akhethe isigqibo eso asingekhe siguqulwe. Inkqubo yokuguqula kweentsuku zekhefu zisiwe emalini kwenziwa ngokwenotshi yomvuzo womntu ngaloo mhla athe wakuphumeza ngako ukufumana ukubonelelwa.
4. Intloko yeziko (umphathi wesekethe omkhulu ngokuphathelele kwinqununu) okanye isuphavayiza mayizalise iSihlomelo B ukuqinisekisa ukuba umenzi-sicelo uye wanikeza ngenkonzo ezinzileyo nencomekayo.
5. Nceda uqaphele ukuba isixa esikhutshwe kulungiselelwa ikhefu saze saguqulelwa emalini siya kutsalelwa irhafu.
6. Ukwenzela ukuba izatifikethi ezingqina ngenkonzo ende yomsebenzi zibe nokulungiswa zihlolisiswe, iSihlomelo C esigcwaliswe ngokukuko masingeniswe kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ukulungiselela abasebenzi abaphantsi kwakho abathe bazaneza iimfuneko zebhaso kwisithuba sowoku-1 Januwari 2004 ukuya kowama-31 Disemba 2004. Igama elikwisatifikethi liya kupelwa ngokohlobo elibhalwe ngayo kwincwadi-sazisi. Ukuba umntu lowo uchaphazelekayo unqwenela ukuba lipelwe ngenye indlela, oku makuboniswe ngokucacileyo kwizihlomelo A no-C.
7. Zonke iintloko zamaziko kunye/okanye iisuphavayiza ziyacelwa ukuba zingenise izihlomelo ezingelokhutshelo u-C, B kumntu ngamnye ogama lakhe livelayo kwisihlomelo C, kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni phambi komhla wama - 15 Juni 2004. Nceda uqaphele ukuba iikopi ezifeksiweyo azamkelekanga zingasayi kunikwa ngqwalaselo kananjalo.
8. Impendulo ekhawulezileyo ngalo mba iya kuvuyelwa.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:05:18

Annexure A  (ubukhulu: 7 KB)
Annexure B  (ubukhulu: 5 KB)
Annexure C  (ubukhulu: 6 KB)