1. IMvumelwano 4/2003 neMibutho yaBasebenzi (Collective Agreement 4/2003) kwiBhunga leMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (Education Labour Relations Council (ELRC)) ibonelela ukuba ootitshala abaqeshwe kwinqanaba lesithuba 1 behlawulwa kwinqanaba lomvuzo 8 baza kwenziwa ootitshala abaneqhuzu (senior teachers) ukususela kowoku-1 Januwari 2004 ukuba bakufanele oku ngokwemilinganiselo emiselweyo.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linoxwebhu oluneziphakamiso ezingokumalunga nonyuselo ngokohlelo lwezithuba (grade progression) lwaba titshala. Nakuba kunjalo, alikabinako ukulwenza olu nyuselo lwabo ngokohlelo lwezithuba kwiPesali. Isizathu soku kukuba iikhowudi zezikhundla ezitsha (new rank codes) ezifunwayo kuhlelo olutsha lwezithuba nemivuzo, njengoko zibhaliwe kwiMvumelwano 4/2003 neMibutho yaBasebenzi, azikafakwa kumashini wePesali. Lo mba usathathelwa ingqalelo kwinqanaba likazwelonke.
3. Zakuba nje iikhowudi zezikhundla ezitsha zifakiwe kumashini wePesali, lwakuqaliswa unyuselo ngokohlelo nohlenga-hlengiso lwemivuzo oluhamba nalo (ukuqalela emva ngowoku-1 Januwari 2004) ngokumalunga nootitshala abachaphazelekayo.
4. Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, ngakumbi abo bachaphazelekayo, ubacele ukuba bayisayine baze babhale nomhla abayifunde ngawo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:16