1. Njengoko kwakucacisiwe kumhlathi 9.2 weSetyhula 0233/2003 yowe-2 Disemba 2003, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liza kupapasha uluhlu olunye kuphela lwezithuba zenqanaba 1 minyaka le. Kodwa ke izithuba zonyuselo-sikhundleni (kubandakanywa nezithuba zeenqununu) ziya kumana zipapashwa qho ngamathuba afanelekileyo ebudeni bonyaka.
2. Iifom zezaziso zopapasho lwezithuba mazingeniswe kwi-WCED zingadlulanga iiveki ezintathu phambi komhla wopapasho loluhlu oluchaphazelekayo. Iinqununu maziqaphele ukuba akusayi kwamkelwa zaziso zopapasho lwezithuba ezifike kade. Ngako oko ke kubaluleke ngendlela eyodwa ukuqinisekisa ukuba izaziso zopapasho lwezithuba zingeniswa kwi-WCED ngaphambi komhla wokuvala. Kwangokunjalo akukho zicelo zezithuba ezipapashiweyo ezifike emva komhla wokuvala ziya kwamkelwa.
3. Izaziso zopapasho lwezithuba mazithunyelwe kulo:
Head: Education
Western Cape Education Department
(For attention: Mrs N. Solomons)
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000 
4. Ikopi yesaziso sopapasho mayithunyelwe kumphathi wesekethe ochaphazelekayo ngenjongo yokumazisa.
5. Esi sicwangciso silandelayo sinika imihla ekujongwe ukuba kupapashwe ngayo kunye nenye ingcaciso echaphazelekayo:
Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezaziso zezithubaUmhla wopapasho loluhlu lwezithubaUmhla wokuvalwa kokwamkelwa kweefom zabatyunjiweyo ezivela kumabhunga olawulo Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezicelo zomsebenziUmhla ekujongwe ukuba kuqeshwe ngawo
*28 Apreli 2004


**14 Meyi 2004
26 Meyi 2004


14 Juni 2004
24 Juni 2004


15 Julayi 2004
31 Aug. 2004


17 Sept. 2004
1 Jan. 2005


1 Jan. 2005

* Zizithuba zonyuselo-sikhundleni kuphela (kubandakanywa nezithuba zeenqununu)* Zizithuba zonyuselo-sikhundleni kuphela (kubandakanywa nezithuba zeenqununu)* Zizithuba zonyuselo-sikhundleni kuphela (kubandakanywa nezithuba zeenqununu)

** Zizithuba zonyuselo-sikhundleni (kubandakanywa nezithuba zeenqununu) nezenqanaba 1



ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:04:06