1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lizimisele ukuncedisa abaqeshwa balo abafuna ikhefu elilodwa ukulungiselela le njongo ilapha ngasentla, kuthathelwa ingqalelo umba wezobulungisa/nokunika amathuba ngokulinganayo kunye neemfuno zomsebenzi.
2. Njengoko i-IEC ingacela kwakhona uncedo kubaqeshwa lokuba ayincedise ekuqhubeni unyulo kweli Phondo leNtshona Koloni, kucelwa ukuba nithathele ingqalelo la malungiselelo alandelayo ngokumalunga noku:
2.1 Kuya kufuneka abaqeshwa eSebe leMfundo leNtshona Koloni afake isicelo sekhefu elilodwa lokungabikho emsebenzini wawo wesiqhelo ngaloo mihla kufuneka eye kuqeqesho nakwimisebenzi enxulumene nonyulo. Ubungqina obubhaliweyo bokuba utyunjiwe yi-IEC mabuhambe neso sicelo sekhefu elilodwa. Xa kuqwalaselwa isicelo esilolu hlobo, makuthathelwa ingqalelo enzulu iimfuno zomsebenzi.
2.2 I-IEC inokubahlawula abantu abatyunjelwe ukuncedisa kolu nyulo. Eli Sebe (WCED) alisayi kuthweswa xanduva lokwenza nawaphi na amalungiselelo angamanye kunye neendleko zohambo nezokutya.
3. Ukuba kuye kwafika nayiphi na imbalelwano eyenye evela kwi-IEC okanye kwiSebe leNkonzo kaRhulumente noLawulo (Department of Public Service and Administration), niya kwaziswa ngayo ngokufanelekileyo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:03:05