1. Iincwadi zelayibrari yesikolo okanye zovimba wolwazi (eziquka neencwadi ezishicilelwe emacwecweni) eseziphononongiwe ngaBaphononongi bakwa-EDULIS beCandelo leZibonelelo zeKharityhulam nekucetyiswa ukuba zithengwe ziilayibrari zezikolo okanye ngoovimba bolwazi, ziza kuboniswa ngolu hlobo:
Indawo:                     EDULIS Seminar Room, 
15 Kruskal Avenue, Bellville Ubude bexesha lomboniso: 21 Juni 2004 - 30 Julayi 2004
(o.k.t. iintsuku zeveki ezingama-30) Amaxesha otyelelo: NgeMivulo kuye kutsho
ngolweziHlanu, 10:30 - 16:00
2. Imiqulu yezalathiso neencwadi ezinika ingcaciso ngomboniso zifikelela kwiinkalo zezifundo ngokubanzi. Kwakhona kuza kuboniswa iintlobo ngeentlobo zeencwadi zemifanekiso noncwadi lwamabali lomlisela nomthinjana.
3. Baza kuba bekho aBaphononongi bakwa-EDULIS beCandelo leZibonelelo zeKharityhulam ukuze baphendule imibuzo ngezi ncwadi zingasentla, ekufanele ukuba zithengwe zizikolo ngemali eyabiwe ngokweMigaqo nemiGangatho yoLwabiwo-mali (Norms and Standards) okanye ngengxowa-mali yesikolo.
4. Iya kuthakazelelwa kakhulu into yokuba esi saziso siqhotyoshelweyo singaxhonywa kwindawo esemboniselweni nokuba baxelelwe ootitshala, ngakumbi abo ingumsebenzi wabo ukongamela iilayibrari zezikolo okanye oovimba bolwazi ngalo mboniso.


ISAYINWE: NGU-M.J. CHILES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:06:10

UMBONISO weencwadi ezisandul’ ukuphononongwa  (ubukhulu: 14 KB)