1. Imibhiyozo yoSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela eyasungulwa ngu-UNESCO iba ngomhla wama-23 Apreli minyaka le, ekungumhla wokuzalwa kukaWilliam Shakespeare, suku olo kulo nyaka lungoLwesihlanu. Umxholo wolu suku ngulo, UKUFUNDA: UHAMBO OLUNGASOZE LUPHELE (READING: A NON-STOP JOURNEY), ubonisa ukubaluleka kwesakhono sokufunda kwimfundo yobomi bonke bomntu, kuphuhluso lwengqondo nempilo entle ngokwasemphefumlweni.
2. Okuqhotyoshelwe apha luluhlu lweengcebiso oluqulunqwe ngabasebenzi bakwa-EDULIS (WCED Education Library and Information Service) lwezinto ezinokwenziwa zizikolo ukuqaphela olu suku ngendlela enenzuzo neyonwabisayo.
3. Kukho nephowusta emibala-bala ebonisa umoya wokubhiyozela olu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela neya kufumaneka ngolu hlobo lulandelayo:
3.1 U-SABC uya kuyithumela le phowusta kunye nebhokisi eneencwadi ezifumaneka mahala kuzo zonke izikolo eziziprayimari ekuyeni ekupheleni kukaFebruwari 2004.
3.2 Izikolo ezizisekondari zingaya kuyithatha iphowusta kwii-EMDC zazo.
4. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zikungqine ukuxabiseka kokufunda ngokuthi zithathe inxaxheba ngomdla omkhulu kwezo zinto ziza kube zisenziwa ezinxulumene nokufunda ngolu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela.
4.1 Izikolo zingacela ukubolekwa iqela leencwadi ngu-EDULIS Library kwangaphambili ukuze zizisebenzise ngolu yoSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela.
4.2 lKungasetyenziswa kwakhona iincwadi ezinikwe iiklasi zesiGaba sesiSeko ngokweProjekthi yeeNcwadi ezili-100.


ISAYINWE: NGU-M.J. CHILES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:03:12

Masiqapheleni uSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela  (ubukhulu: 42 KB)