1. Uphawu lwesizwe lukazwelonke olutsha (new national coat of arms), njengowona mqondiso ubonakalayo waseburhulumenteni, lwavunywa yikhabhinethi ngoMatshi 2000 njengophawu lokuzazisa ngokusesikweni kwequmrhu likarhulumente.
2. IGovernment Communication Information System (GCIS) yaye yakhupha isikhokelo sokuqala ngokusebenza kunye nokusetyenziswa kophawu lwesizwe kuwo onke amasebe kazwelonke ngo-2000.
3. Esi sikhokelo saye, nakuba kunjalo, asathathwa njengesigunyazisiweyo ukuba singanokusetyenziswa ngawo onke amasebe namaphondo, kwaze oku kwakhokelela kwiiyantlukwano nokungangqinelani kwindlela yokusetyenziswa kwazo.
4. Ukubonelela ngesikhokelo ngokumalunga nokusetyenziswa kophawu lwesizwe, ikhabhinethi yaye yagunyazisa iqela lemiqathango. Le miqathango ibandakanya esi sikhokelo siqhotyoshelweyo sokusetyenziswa kophawu lwesizwe ngurhulumente kunye nemibutho eyinxalenye karhulumente, kunye namaziko karhulumente.
5. Ngokwesi sikhokelo, uphawu lwesizwe lukazwelonke akuvumelekanga ukuba lusetyenziswe kunye nophawu lwesizwe lwephondo okanye lukarhulumente wasekhaya ngele kwemvume evela kurhulumente kazwelonke. Iinkcukacha ngokumalunga nendlela yokufumana le mvume ziya kufumaneka kwiziko lewebhu GCIS (http://www.gcis.gov.za)
6. Nceda uzise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kwingqwalaselo yabo bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-C.J. FOURIE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:12:24