1. Njengophawu lokunika imbeko, uMongameli weRiphablikhi yoMzantsi Afrika unike imiyalelo yokuba ithotywe iFlegi yeSizwe kwizwe lonke ukususela ngoLwesibini, 23 Novemba 2004 kude kube ngokuhlwa womhla wokufihlwa kongasekhoyo uNks Joyce Kgoali, obenguSihlalo kaZwelonke weBhunga lamaPhondo (National Council of Provinces Chairperson).
2. Xa iFlegi yeSizwe iza kuthotywa, kufuneka iqale inyuswe iye kutsho phezulu kwincopho yepali ebotshelelwe kuyo ize emva koko ithotywe ngukucothayo ide iye kufika kumashumi amathathu ekhulwini obude bepali yeflegi ukusuka phezulu. Phambi kokuba isuswe iflegi ukutshona kwelanga, okanye ngexa elo limiselweyo, mayiqale inyuswe iye phezulu kwincopho yepali yeflegi. Imigaqo imisela ukuba akukho flegi zingezinye (umz. ezeSAPS, ezeSANDF, okanye iiflegi zamaqumrhu) mazixhonywe xa iFlegi yeSizwe ithotyiwe ukunika imbeko.
3. Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-T.S. SHAYI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:24