1. KwiNgcaciso eMfutshane LS 0013/2004 yowe-23 Apreli 2004 kwathi ngempazamo kwaboniswa ukuba ikota yesibini iya kuqala ngowe-14 Apreli 2005. Le mpazamo yalungiswa ngengaciso emfutshane enenombolo ekwafana nale yomhla we-28 Apreli 2004 kodwa ayarhoxiswa ingcaciso emfutshane yangaphambili.
2. Ziyabongozwa iinqununu ukuba zincede zazise bonke ootitshala, abafundi, abazali namalungu amabhunga olawulo ezikolo ukuba ngokwenjenje kurhoxiswa le Ngcaciso eMfutshane LS 0013/2004 yowe-23 Apreli 2004 yaye indawo yayo ithathwa yile ngcaciso emfutshane.
3. Ngako oko ke kucelwa nithathele ingqalelo le khalenda yezikolo yango-2005 ilandelayo nekuyeyona ivunyiweyo:
IKOTAIZIKOLO ZIVULWAISIKOLE ZIVALWA
YOKUQALA17 JANUWARI (ootitshala)
19 JANUWARI (abafundi)
24 MARCH
YESIBINI4 APRELI24 JUNI
YESITHATHU18 JULAYI23 SEPTEMBA
YESINE3 OKTOBHA2 DISEMBA (abafundi)
6 DISEMBA (ootitshala)

4. IiHolide zoLuntu ngo-2005:
1 Januwari 2005 - USuku loNyaka oMtsha 
21 Matshi 2005 - USuku lwamaLungelo oLuntu
25 Matshi 2005 - ULwesihlanu wePasika
28 Matshi 2005 - USuku loSapho
27 Apreli 2005 - USuku lweNkululeko
01 Meyi 2005 - USuku lwaBasebenzi (Iholide yoluntu:02 Meyi)
16 Juni 2005 - USuku loLutsha
09 Agasti 2005 - USuku lwaBafazi
24 Septemba 2005 - USuku lweNkcubeko eliLifa lethu
16 Disemba 2005 - USuku loXolelwaniso
25 Disemba 2005 - USuku lweKresmesi
26 Disemba 2005 - USuku lweZipho
5. IBhunga laBaphathiswa bezeMfundo linike imvume yokuba usuku lokugqibela lokuya esikolweni kwabafundi abakumaBakala 1 ukuya ku-11 lube nguLWESIHLANU, WESI-2 DISEMBA 2005, ngokuxhomekeka ekubeni olu suku lolokugqibela lokubhalwa kweemviwo ukwenzela ukuba kube nokusetyenziswa ixesha lesikolo ngeyona ndlela inenzuzo. Ootitshala bona mababe sesikolweni de kube ngoLWESIBINI, WESI-6 DISEMBA 2005 ukwenzela ukuba bagqibezele imisebenzi yezolawulo.


ISAYINWE: NGU-T.S. SHAYI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:24