1. Umgaqo-nkqubo ongeesetyhula kunye neengcaciso ezimfutshane wabhengezwa ngezi setyhula 0026/96 yowe-14 Matshi 1996, 0036/99 yowe-6 Apreli 1999 nale 0001/04 yowe-5 Januwari 2004.
2. Ngokwalo mgaqo-nkqubo, kwafuneka kunikwe amanani okuphawula iingcaciso ezikhutshwa ngamacandelo nazii-EMDC, umz. AmaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo: LS 0001/2004. Okusekuqaleni kwenombolo kwaba yikhowudi emele icandelo elo lichaphazelekayo. Indawo eyenziwa ngamanani yaba yinombolo yengcaciso emfutshane ngokolandelelwano lwamanani nonyaka ekhutshwe ngawo.
3. Ukwenzela ukuphepha nakuphi na ukungaqiniseki, ikhowudi yecandelo okanye ye-EMDC iya kuthi indawo yayo, kwixa elizayo, ithathwe ligama elipheleleyo, umz. INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LAMALUNGISELELO OKWENZIWA KWEENKONZO: 0001/2005; INGCACISO EMFUTSHANE YE-EMDC: WEST COAST/WINELANDS: 0001/2005
4. Iikhowudi ezanikwa amacandelo kuqala zikuluhlu oluqhotyoshelweyo (ISihlomelo A) yaye zikwafumaneka nakwiphepha lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni apha "WCED Circulars and Minutes".
5. Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
6. Nayiphi na imibuzo emalunga nokubhalwe kule ngcaciso emfutshane ingabhekiswa kuNks M.E. Erasmus kule nombolo yefoni 021 467 2765 okanye kuNks M.M. Fick kule foni 021 467 2758.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:04

ISihlomelo A (Code List for Directorates)  (ubukhulu: 9 KB)