1. ICandelo lezoBuntlola kuZwelonke (National Intelligence Agency (NIA)) livelise ifom eluxwebhu olumiselweyo lokubhengeza iinkcukacha (pro forma declaration document) ekufuneka izaliswe ngabo bonke abantu abaqeshwe kuRhulumente wePhondo leNtshona Koloni ngokumalunga nesiganeko ngasinye okanye nesiganeko sexesha elizayo soqhagamshelwano nabemi/namagqiza/nemibutho yamanye amazwe.
2. Ngenxa yoku iNtloko yePhondo yeCandelo lezoBuntlola eNtshona Koloni icele ukuba amagosa aphantsi kweSebe leMfundo leNtshona Koloni azalise ifom yokubhengeza iinkcukacha efunekayo, ngelishwa efumaneka kuphela ngolwimi lwayo lwentsusa olusisiNgesi, ukuba akhe analo okanye aza kuba nalo naluphi na uqhagamshelwano nabemi/namagqiza/nemibutho yamanye amazwe. Iifom zokubhengeza iinkcukacha ezizalisiweyo mazingeniswe kuMnu JT Solomons, Directorate: Logistical Services, Room 605 (Ifoni: 467 2818), ukuze yena azidlulisele kwi-Ofisi yoMlawuli-Jikelele (Dr Lawrence), netyunjwe njengeyona ndawo ifanelekileyo yokuxela uqhagamshelwano.
3. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:10:01

Livelise ifom eluxwebhu olumiselweyo  (ubukhulu: 43 KB)