1. Njengoko senisazi, uMnu Cameron Dugmore nguMphathiswa weMfundo wePhondo leNtshona Koloni omtsha.
2. Kucelwa nifake endaweni yamaxwebhu angaphambili okudluliswa kwamagunya oMphathiswa weMfundo wePhondo (uMnu André Hurtley Gaum) la maxwebhu okudluliswa kwamagunya aqhotyoshelweyo kaMnu Cameron Dugmore. La maxwebhu okudluliswa kwamagunya aqala ukusebenza ngoko nangoko.
3. Ngenxa yokuba iisetyhula, iingcaciso ezimfutshane kunye/okanye amaxwebhu aqhotyoshelweyo ethunyelwa kuphela ngefomathi ye-imeyili, amagosa angathi, ukuba akhetha ngolo hlobo, azenzele ezawo ikopi zokudluliswa kwamagunya kwii-imeyili zawo.
4. Ngokwenjenje kutshitshiswa le ngcaciso imfutshane DLS/0006/2003 yowama-31 Julayi 2003 kunye nale DLS/0008/2003 yowama-29 Agasti 2003.
5. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:10:07

Delegations  (ubukhulu: 109 KB)