1. Kucelwa ufunde leNgcaciso eMfutshane DLS 0013/2004 yowama-28 Apreli 2004 ekwabhengezwa kuyo ikhalenda yezikolo evunyiweyo kunye noluhlu lweeholihe zikawonke-wonke ngo-2005.

2. Njengoko le khalenda yezikolo yango-2005 ilungiswe apha naphaya liSebe leMfundo kuZwelonke, le mihla eziintsuku zesikolo, 17 Juni 2005 nalo 8 Agasti 2005 mayiboniswe ngoku njengeeholide zesikolo kwikhalenda  (Government Gazette No. 26461 of 15 June 2004[ubukhulu: 559 KB] (http://www.info.gov.za/gazette/notices/2004/26461.pdf)  [also included is a "Summary of School Calendar for 2006"].

3. Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo noosihlalo bamabhunga olawulo ezikolo ukuba bancede baqinisekise ukuba kuthathelwa ingqalelo okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ngabo bonke ootitshala nabasebenzi, abazali, abagcini babafundi nabafundi.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:09:30