1. Ngethuba lothetha-thethwano lwakutshanje ngonyuselo lwemivuzo ngonyaka-mali 2004/2005, kube ngunomji phakathi kukaRhulumente, umqeshi, nemibutho emele abasebenzi ngethuba leengxoxo zesisombululo de kwafikelelwa kwangqingetye (deadlock). Kukhutshwe isiqinisekiso sikangqingetye (deadlock certificate) esinika imibutho emele abasebenzi ilungelo lokwenza ugwayimbo olukhuselwe ngumthetho yaye zonke iimpawu zibonisa ukuba imibutho yabasebenzi iza kwenza ugwayimbo.
2. Ukulungiselela ugwayimbo olungakho, kufuneka abaphathi/iintloko zamaziko baqule kwangoko ngokuthi balungise iinkqubo kwangethuba zokumelana nemeko ukwenzela ukuqinisekisa ukuba aza kuqhubeka esebenza amacandelo namaziko abo. Apho kungabaphathi/kuziintloko zamaziko ngokwazo ezithatha inxaxheba kugwayimbo, ngumsebenzi osemagxeni eesuphavayiza/abaphathi beesekethe abachaphazelekayo ukuqinisekisa ukuba ezi nkqubo zihlala zisebenza.
3. Kwakhona ngumsebenzi womphathi ngamnye/wentloko yeziko nganye:
3.1 ukugcina irekhodi echanekileyo yemeko eqhubeka kwelo candelo/ziko;
3.2 ukugcina irejista ngokutshekisha abakhoyo nabangekhoyo;
3.3 ukulungiselela ukuba kubekho ulawulo olululo lwabafundi/lootitshala/lwabasebenzi
3.4 ukuthathela kuye uxanduva lokulawula ngendlela eyiyo icandelo/iziko
4. Ngenxa yoku kuchazwe apha ngasentla, kucelwa ukuba uthathele ingqalelo iSiqendu esingeNyathelo loGwayimbo esikwiSikhokelo seSebe leMfundo leNtshona Koloni ngoGwayimbo lwaBasebenzi, ekufuneka silandelwe ngokuthe ngqo, ngakumbi ukugcinwa kwerekhodi yabo nabaphi na abaqeshwa abathatha inxaxheba kugwayimbo. Okuqhotyoshelwe kolu xwebhu ziikopi ozithunyelelwayo zezihlomelo ezichaphazelekayo ekufuneka zizaliswe.
5. Le ngcaciso ifunwayo ngokweSicwangciso seNyathelo loGwayimbo seSebe leMfundo leNtshona Koloni nangokweSihlomelo B esiqhotyoshelweyo, mayifike kwiCandelo lezoBudlelwane eMisebenzini ukuze iqwalaselwe nguMnu C Esau, kodwa iqale idlule kwicandelo okanye kwi-EMDC echaphazelekayo, ingadlulanga intsimbi ye-15:00 qho ngosuku ngalunye lokuqhubeka kogwayimbo nokuba ngaba akukho mntu ungenele ugwayimbo.
6. Imibuzo ngokumalunga noku mayibhekiswe kwaba bantu balandelayo:
CR Esau  - 021 467 2857
R Jansen - 021 467 2863
A Jacobs - 021 467 2416
R Ahmed - 021 467 2372
K Petersen - 021 467 2865
7. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyalivuma ilungelo labaqeshwa lokuphathwa ngokufanelekileyo emsebenzini njengoko kubonelelwe kuMgaqo-siseko nakwimithetho echaphazelekayo. Ngaphezulu, eli Sebe leMfundo lizimisele ukusebenzisa umgaqo othi “wangasebenzi wangahlawulwa” ngokweSiqendu 67(3) soMthetho wezoBudlelwane eMisebenzini kubo nabaphi ba abaqeshwa abathatha inxaxheba kugwayimbo.
8. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:26

zezihlomelo  (ubukhulu: 19KB)