1. |
ULwazi lokuFumana iNgcaciso, yenye yezona ntsika zeziPhumo ezinguNdoqo kwiNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke eHlaziyiweyo yemfundo ejolise kwiziphumo nakwikharityhulam ye-FET nefuna ukuba abafundi babe nako ukuqokelela, ukuhlela, ukucwangcisa nokuhlalutya ngeliso elibukhali ingcaciso. |
2. |
Ngako oko ke kubaluleke gqitha ukuba kubekho iintlobo ezininzi zeencwadi namancedo elayibrari ekufuneka babe nokuwafumana abafundi ukuze bakwazi
ukutolika ingcaciso ukwenzela ukuba bazivelisele, elowo nalowo, olwakhe ulwazi olutsha
ukubona izinto ezintsingiselo imbaxa, ingachanekanga nengcaciso elaba-labayo
ukuzenzela izigqibo ezicingisisiweyo ezisekelwe ekuhleleni nasekuhlalutyeni ingcaciso ngeliso elibukhali
ukucinga ngendlela yokubona izinto ngeendlela ezininzi.
|
3. |
Iincwadi namancedo elayibrari kubandakanya
imiqulu yokukhangela amagama nengcaciso (ii-ensayiklopidia, ii-atlasi, izichazi-magama, njl. njl.)
iincwadi ezingengomabali (iincwadi zengcaciso nezinto ezenzekileyo)
iincwadi ezingamabali (iinoveli, amabali amafutshane, iintsomi, iilejendi, iincwadi zemifanekiso, njl. njl.)
iiphowusta neephamfleti
iimagazini namaphephandaba
iividiyo esele zirekhodiwe, amakhasethi nee-CD-ROM
iiphakheji zeemidiya ezininzi
|
4. |
IMigaqo neMimiselo yoLwabiwo-mali yeZikolo (Norms and Standards Funding for Schools) yenza isibonelelo sokuthengwa kweencwadi namancedo elayibrari (kwakunye neencwadi zezifundo ezimiselweyo nezifundwayo (textbooks and readers)). Le ngcaciso ilandelayo ekwiSetyhula 41/2004 ibhekiselele koku: |
4.1 |
Iincwadi namancedo elayibrari zibandakanyiwe kwigama elithi "ezinye iincwadi" (umhlathi 4 wesiHlomelo A). |
4.2 |
Zonke izikolo mazisebenzise i-71% yesabelo-mali sokuvala isikhewu (bridging allocation) ukuthenga "iincwadi zezifundo nezinye iincwadi" (text and other books) (umhlathi 1.1.5 wesetyhula). |
4.3 |
Makusetyenziswe iFom WCED-034 ukuthenga "iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi":. Oko ke kubandakanya iincwadi namancedo elayibrari (umhlathi 3.2 wesiHlomelo A). |
4.5 |
Nangona usuku olusikiweyo lokungenisa iifom zokuthenga "iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi" kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 lunikwe njenge-27 Agasti 2004 (umhlathi 3.5.2 wesiHlomela A), ukwenza ii-odolo zokuthenga iincwadi namancedo elayibrari kungafuna ithuba elingaphezu koku, ngako oko ke usuku olusikelwe ezi zikolo ukuba zingenise iifom zokuthenga iincwadi namancedo elayibrari lolu 15 Disemba 2004. |
5. |
Ukufumana ingcaciso nengcebiso engaphezu koku ngokumalunga nokuthengwa kweencwadi namancedo elayibrari, kucelwa ukuba uqhagamshelane nalo Ms Colleen Meinert apha EDULIS (WCED Education Library and Information Service), ifoni 021-957-9638, okanye umthumelele i-imeyili apha Colleen Meinert (cmeinert@pgwc.gov.za). |
ISAYINWE: NGU-M.J. CHILES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:09:17
|