1. Okufakwe apha zizatifikethi zematriki zabaviwa abaphumelelayo nezatifikethi zezifundo zabaviwa abangaphumelelanga kwiimviwo zikaMatshi 2004 kwakunye nezatifikethi ezidibanise izifundo zabaviwa bakaNovemba 2003 abaneekhredithi ezingaphezulu (izifundo zeN3), ozithunyelelwa ngenjongo yokuba uzinike abaviwa abachaphazelekayo.
2. Ukwanikwe noluhlu olupheleleyo lwazo zonke ezi zatifikethi zifakwe apha. Nceda uzixele naziphi na iingxaki okanye iimpazamo, ngencwadi ebhaliweyo, kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni kwiintsuku ezili-14 zomsebenzi uzifumene ezi zatifikethi.
3. ZONKE IZIQINISEKISO EZINGEKAFUMANEKI ZIYA KUTHUNYELWA NGQO KUBAVIWA ABACHAPHAZELEKAYO NGOKUKHAWULEZA.
4. Uyacelwa ukuba ugcine irekhodi epheleleyo yobungqina babaviwa bokuba bazifumene izatifikethi zabo. Qaphela ukuba nawuphi na umntu osayinela ukwamkela iSatifikethi seMatriki makaveze isazisi esisemthethweni.
5. Ukuba unemibuzo malunga noku kulapha ngasentla, ungaqhagamshelana nomnye wala magosa alandelayo:
Mnu L Weber       021 467 2926
Nksk E du Toit    021 467 2924
Mnu D Jacobs      021 467 2930
Nksk M Pekeur     021 467 2928
Mnu G Valentine   021 467 2927
6. Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.

ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:09:14