1. Umhla wokuvala ukubhalisela iimviwo zeMatriki kunyaka ngamnye yi-15 Matshi (khangela kwezi Setyhula 167/2003 no-13/2004). Oku kuthetha ukuba izikolo mazigqibe lonke utshintsho lwamahlelo (grades) phambi kwalo mhla nokuba abaviwa abanako ukusebenzisa ingxelo yeziphumo yekota yokuqala okanye yekota yesibini njengodondolo lokujonga ukuba banganako na ukumelana nomsebenzi wehlelo elithile.
2. Njengoko lo mhla usikiweyo mtsha waqalisa ukusebenza ngo-2004, lwavunyelwa utshintsho lwamahlelo de kwangumhla wama-30 Juni 2004. Njengangoku kushicilelwa amaphepha emibuzo oviwo lweMatriki lwango-2004 ngokwamanani abhaliswe zizikolo nangamaziko emfundo ngokwesifundo ngasinye nangokohlelo ngalunye, ngako oko ke akusayi kuphinde kuvunywe olunye utshintsho lwamahlelo.
3. Ukususela ngo-2005 akukho zicelo zotshintsho lwamahlelo ziya kuqwalaselwa emva komhla we-15 Matshi, ngaphandle kwezo zingeniswe ngaphambi kowama-30 Apreli (khangela kule Setyhula 13/2004 ngokumalunga nefom yesicelo efunekayo) yaye makuqhotyoshelwe kwisicelo eso incwadi kagqirha esebenzayo ngokusemthethweni.
4. Mazingaze iintloko zamaziko emfundo zivume utshintsho lwamahlelo emva kwe-15 Matshi - oku ngumsebenzi wekomiti etyunjelwe le njongo yiNtloko yeSebe leMfundo.
5. Ukwenzela ukuphepha iingxaki ezimalunga notshintsho lwamahlelo, maziqinisekise izikolo ukuba iimviwo zamaBakala 10 no-11 zisemgangathweni ofunekayo.
6. Mabancede abacebisi ngezekharityhulam abakwii-EMDC baqinisekise ukuba ezikolweni nakumaziko emfundo amaphepha emibuzo eBakala 11 asemgangathweni ofunekayo asethwa kuwo omabini amanqanaba, ele-HG nele-SG, apho kusebenzayo oku, nokuba neenkcukacha ezincinane nje zezichanekileyo.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004"07:27