1. UMbhiyozo weKapa eliFundayo 2004 ngumsebenzi ekubanjiswene ngawo liSebe loPhuhliso lwezoQoqosho noKhenketho neSebe leMfundo leNtshona Koloni kunye neSebe lezeMisebenzi. Lo mbhiyozo uza kuqhutywa ukususela kumhla we-12 Agasti kuye kutsho kowe-9 Septemba kulo nyaka. Ngalo nyaka sele kukokwesithathu uqhutywa, lo mbhiyozo uqaqambisa yaye usazisa ngawona mancedo neenkonzo ezibhetele ezikhoyo kwezemfundo, kwezoqeqesho nakwezophuhliso kwiphondo leNtshona Koloni.
2. UMbhiyozo weKapa eliFundayo 2004 uthembisa ngokuba ngowona uza kuba ngomkhulu ezimbalini nowona uza kuzisa izinto ezintsha nezidala umdla kuluntu, nonika imixholo emininzi enomdla kakhulu namathuba okuhlangabezana nemingeni ekhoyo ngoku nezinto eziqhubekayo kwezemfundo nakwezoqeqesho.
3. Iinkcukacha ezipheleleyo zeprogram zifumaneka kweli ziko lewebhu lalo Mbhiyozo Learning Cape Festival (http://www.learningcape.org). Izikolo ziza kunikwa iiphowusta yaye kuza kufakwa nakumaphepha-ndaba iinkcukacha ezipheleleyo ngeziganeko zokuza kwenzeka. Abamajelo eendaba baza kuthi qho bavakalise izihlokwana nezaziso ngeziganeko zale nyanga yoMbhiyozo.
4. Iprogram ngokubanzi yeesemina zombhiyozo kunye nezinye iziyunguma iya kuqhutyelwa kwiindawo ezininzi, umzekelo, eSouth African Astronomical Observatory naseMTN Science Centre. Kukwalungiswe neprogram yommamdla oyikhorido yase-Athlone, njengoko kunjalo kwiziyunguma ze-EMDC yeMetropole South. Iiseshoni zale nyanga yombhiyozo ziza kuba nomdla kakhulu kootitshala. Ziyabongozwa kwakhona izikolo ukuba zikhuthaze abazali nabafundi ukuba baye kwiziganeko ezimalunga nabo ukuze babe kwimeko entle kakhulu yokwazi ukukhetha izifundo abaza kuzifunda.
5. IMarike eFundisayo - "ekuyindawo eyimarike apho kufundwayo" eza kuqhutyelwa e-Oliver Tambo Centre, eKhayelitsha phakathi komhla we-2 ne-4 Septemba - ithembisa ngokuba nomdla ongathethekiyo, ngokukhuthaza kunye nokunika ithuba bonke abo badlala indima ekufundiseni, kwezoqoqosho oluhlumayo nasekwakheni uluntu kuwo onke amanqanaba. Kokokuqala ukuba kubekho into elolu hlobo kweli phondo. Le Centre imelene no-N2 yaye ifikeleleka ngokulula kakhulu.
5.1 Ababonisi baya kunika ingcaciso ngayo yonke imiba yezemfundo, yezoqeqesho nezophuhliso, besazisa ngeqhayiya ezona khosi zamva nje, okuqulethwe zizo, izinto zokuxhasa ukufundisa nokufunda, uqeqeshelo msebenzi, iindlela zobuchule ezisetyenziswayo kunye neendlela zokufundisa.
5.2 Kujoliswe kuthatho-nxaxheba ngootitshala, ngabaqeqeshi, ziingcali kwezophuhliso lwezakhono, ngabameli babasebenzi, kunye neengcali zeMicimbi yaBasebenzi yaye abaququzeleli baya kuqinisekisa ngokubonisa ootitshala nabafundi bamacandelo onke nabeenkalo zonke zemfundo okuqhubekayo elizweni nakumazwe ngamazwe. IMarike eFundisayo iya kunika kwakhona ithuba elilodwa lokwenza amakhonkco onxibelelwano nabanye, lokungena kwintsebenziswano nabanye nokuxoxa ngezidla umzi.
5.3 Injongo yokujolisa ekwaziseni nasekuphicotheni amathuba emfundo nawoqeqesho ihambelana ncam neenjongo zesiCwangciso seSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED's strategic objectives) yaye oku kukwahambelana ncam neprogram yoqeqesho lootitshala yeli Sebe leMfundo kwezoLwazi ngezoBomi (Life Orientation). Izikolo ezicinga ukwenza utshintsho kwindlela ezikhethe ngayo izifundo eziza kuzifundisa ziya kuzuza lukhulu ukuba zityelela le Marike, kuba ziya kuboniswa uluhlu olupheleleyo lweendlela ezinokuzikhetha kunye neendawo eliza kuhluma kuzo eli phondo.
5.4 NgolwesiHlanu umhla wesi-3 Septemba, uMphathiswa weMfundo wePhondo, uMnu Cameron Dugmore, neNtsumpa-Jikelele yezeMfundo, uMnu Ron Swartz, baya kuba kule Centre phakathi kwentsimbi ye-14:00 neye-16:00 ukwenzela ukudibana nootitshala bancokole nabo ngokukhululekileyo.
5.5 Abaququzeleli bazilungise iiprogram zangoMgqibelo ngohlobo lokuba zilungiselele ngakumbi ootitshala kwakunye nabo basuka emaphandleni. Bayakhuthazwa ootitshala ukuba bazame baye kwesi siganeko sibaluleke kangaka kwakunye nakwiziganeko eziza kuba kwezi ndawo Beaufort West, George, Caledon, Hermanus, Worcester and Vredenburg. Ezi ziganeko zilungiswe ngohlobo lokuba imihla yazo ingadibani nomhla weMarike eFundisayo.
5.6 Le miboniso iya kukhatshwa luthotho lweentetho, iiphaneli nemiboniso eya kuba seholweni.
5.7 Le Marike ithathelwe kwiimarike zamazwe ngamazwe ezilolu hlobo yaye banethamsanqa ootitshala ukufumana eli thuba lokuzuza amava alolu hlobo. Bayakhuthazwa bonke ootitshala ukuba baziphe ithuba lokutyelela le marike.
6. Le nyanga yombhiyozo lithuba lokwenza amakhonkco onxibelelwano nabanye, lokujongisisa kwanokuqaqambisa iimfuno namathuba ezemfundo. Ayabongozwa onke amaziko eli Sebe leMfundo ukuba awuxhase mpela lo mbhiyozo ngokuthi aye kwiziganeko, awusasaze yaye alungise nezawo iziganeko eziza kungqinelana nezi.


ISAYINWE: NGU-A.M. ATTWELL
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:18