1. Njengoko iyinjongo yethu ukwenza inkonzo enokuthenjwa nekhawulezayo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liseka ngoku iZiko leeFoni elongeza ukuxabiseka kwe-Walk-in-Centre yethu e-2nd floor, Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town.
2. Eli Ziko leeFoni liza kusebenza ukususela ngowe-15 Apreli 2004 kuye phambili.
3. Icandelo leli Ziko leeFoni, eliza kuphendula imibuzo ethunyelwa ngefoni, liza kunika uncedo olulodwa kootitshala nakumagosa enkonzo karhulumente ngemicimbi yezengqesho (umz. ukubonelelwa ngabasebenzi (personnel provisioning), ukuqeshwa (appointments), namalungelo enkonzo (service benefits)) kunye nemibandela engemivuzo (umz. umvuzo nokuxhuzulwa kweemali (remuneration and deductions)).
4. Icandelo leZikolo eziKhuselekileyo leli Ziko leeFoni:
4.1 liza kusingatha iifoni ezimalunga noku kulandelayo:
  • Ukutshiswa kweprophathi (arson)

  • Ukubethwa (assaults)

  • Ukuqhekeza (burglaries)

  • Ukohlwaya ngokubetha (corporal punishment)

  • Iiripoti zesikolo zenkohliso (fraudulent school reports)

  • Ubundlobongela bamaqela emigulukukudu (gang violence)

  • Ukuphanga (robberies)

  • Ukudubulana (shootings)

  • Ukonakalisa iprophathi (vandalism)

  • Ukuqweqwediswa kohluthwe isithuthi (hijacking)

  • Ukusetyenziso gwenxa lweziyobisi notywala (drug and alcohol abuse)

  • Impatho-gadalala yabafundi nootitshala (abuse of learners and teachers)

  • Udlwengulo (rape)

  • Ungcungcuthekiso ngokwesini (sexual harassment) kunye nalo naluphi olunye uhlobo lwempatho-gadalala.

4.1 Nazi iinombolo zefoni neeyure zokwenziwa kwenkonzo zeli Ziko leeFoni:
  • Ukuqhomfa (abortion)

  • Ukoyiswa mpela butywala (alcoholism)

  • Ukusetyenziso gwenxa lweziyobisi

  • I-HIV/AIDS

  • Ubuhlanga

  • Ukukhulelwa kolutsha (teenage pregnancies)

5. This circular serves as.
Imibuzo ngezengqesho nemivuzo
Iinombolo zefoni:   0861 92 33 22 (okanye 0861-WCEDCC)
Iiyure zokufumana inkonzo: NgoMvulo - ngolwesiHlanu: 7:45 -17:00
IZikolo eziKhuselekileyo
Iinombolo zefoni:   0800 45 46 47
Iiyure zokufumana inkonzo: NgoMvulo - ngolwesiHlanu: 7:45 -17:00
6. Abafonayo bangathetha nangoluphi na ulwimi kwezo zintathu zaseburhulumenteni kweli Phondo leNtshona Koloni yaye zonke iifoni ziya kurekhodwa ukwenzela ukuqinisekisa inkonzo ekumgangatho ophezulu. Kweli ziko kuza kubakho neenkonzo zevoyisimeyili (voicemail services) emva kweeyure zomsebenzi yaye abo basebenza kulo baya kuyiphendula imiyalezo erekhodiweyo ngosuku lomsebenzi olulandelayo.
7. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:04:07