1. Enye yeemfuno zesilabhasi yethutyana zeSifundo soMculo kumaHlelo HG no-SG nakwiSifundo sokuDlala iiNtambula (Music Performance - Second Instrument) kolu Hlelo SG kukuba abaviwa bangenise uluhlu lweengoma zabo abazikhethileyo ukuze zivunywe nguMcebisi ngezeKharityhulam (weSifundo soMculo).
2. Bayacelwa abaviwa ukuba bangenise ezi zintlu, iikopi zezo ngoma noluhlu lwezi zinto scales and arpeggios kumcebisi ngezekharityhulam okwi-EMDC yabo (khangela kolu luhlu lulandelayo) phambi kowama-15 Matshi 2004:
EMDCUMCEBISI NGEZEKHARITYHULAM
Metropole East
Metropole Central
Metropole North
Metropole South
Breede River/Overberg
South Cape/Karoo
West Coast/Winelands
Ms A Joubert
Mr J Cowan
Mr K Tabisher
Ms I Bruce
Ms C Ross
Mr J Theodore
Mr L du Preez
3. Bayacetyiswa ootitshala ukuba balufundisise uluhlu lweentambula ezivunyiweyo (approved instruments) olukwisilabhasi yethutyana. Qaphelani ukuba yi-electronic keyboard kuphela eyongezelelwe kolu luhlu.
4. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:02:10