1. ISebe leMfundo likazwelonke kunye namasebe emfundo kumaphondo olithoba, ngokusebenzisana noFirst National Bank, aza kuququzelela kwakhona umNyhadala kaTirisano woMculo weeKwayara zeZikolo olungiselelwe izikolo eziziprayimari nezizisekondari ngo-2004.
2. Lo mnyhadala ubonelela ngokhuphiswano phantsi kwala macandelo alandelayo:
(a) AmaBakala R - 2
(b) AmaBakala R - 4
(c) AmaBakala 5 - 7
(d) AmaBakala 8 - 9
(e) AmaBakala 10 - 12
3. Sele emiselwe amaculo awo onke amacandelo. Iikwayara ezingafuni kusebenzisa la maculo amiselwe amahlelo zingalungisa awazo amaculo ezizikhethele wona ngokwazo.
4. Umjileko wokukhetha iikwayara ezigqwesileyo kwi-EMDC uya kubanjwa ngo-Apreli nangoMeyi. Iikwayara ezigqwesileyo nabacula ngabodwa abagqwesileyo baya kucelwa ukuba bathathe inxaxheba kumjikelo wokugqibela wephondo oya kubanjwa ukususela kowama-21 kuye kowama-23 Meyi 2004.
5. Iikwayara nabacula ngabodwa abaziintshatsheli kwiphondo ngalinye baya kucelwa ukuba bamele amaphondo abo kumjikelo wokugqibela kazwelonke oya kubanjelwa eGoli ukususela kowoku-1 kuye kowesi-4 Julayi 2004.
6. Ziyacelwa zonke izikolo ukuba zingenele lo mnyhadala womculo. Imigaqo elawula uthatho-nxaxheba namaculo amiselweyo zifumaneka kuMcebisi ngezeKharityhulam (wezobuGcisa neNkcubeko) okwi-EMDC yakho.
7. Umhla wokuvalwa kwamangenelo ngowama-15 Matshi 2004.
8. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abaphathi beekwayara besikolo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:02:10