1. Ziyabulelwa izikolo ngokuthatha inxaxheba kwazo kumsebenzi wokwenziwa nokuvavanywa kweMisebenzi yoVavanyo eFanayo (Common Tasks for Assessment (CTAs).
2. IiCTA, aziloviwo oluquphayo (summative examination) lomsebenzi osewugqityiwe ebudeni bonyaka. Injongo yazo kukubonisa ngenxalenye yeziphumo iziphumo zezifundo ebekufanele ukuba zifikelelwe ebudeni bonyaka nokujonga ukuba ngaba abafundi abo bafikelele na kwezi ziphumo zezifundo.
3. Kwiminyaka emithathu egqithileyo, iiCTA bezisoloko zisetwa nguzwelonke njengendlela yokumisela imigangatho kunye nokulungiselela ukuqhutyelwa phambili nokuphuculwa kwenkqubo ukwenzela ukunika inkxaso ootitshala njengoko bezama ukuqonda iingontsentse zale kharityhulam intsha. IiCTA zeminyaka edlulileyo, eneneni, zisetyenziswa zizikolo ezininzi ukufumana ulwazi ngefomathi yeeprogram zovavanyo oluthe rhoqo.
4. Ukusetwa kweeCTA kuzwelonke ngelokuba nomgangatho ofanayo kwilizwe liphela kuye kwayinkqubo enzima kakhulu kwaza kwakhokelela kwiiCTA ezingasoloko zingqinelana nemigangatho ephakamileyo enxulunyaniswa neeMviwo zeMatriki, nekuye kuhlawulwe abantu bokuziseta nezilawulwa ngokungqongqo liqela elincinane labantu abakwaziyo ukubambelela kwimigangatho efanayo eyamkelekileyo kwelo nqanaba, Kulindeleke ukuba, ngokuhamba kwexesha, iiCTA zibe nokusetwa kumaphondo. Kwakuba nje kunokwenzeka oku, amaqela ootitshala aya kuba yinxalenye yale nkqubo.
5. Izikolo ziya kwaziswa ngeenkcukacha ezimalunga neeCTA zango-2005 zakuza nje zifikile ukuvela kwiSebe leMfundo likazwelonke.
6. Kucela wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abo bachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
7. Imibuzo ngokumalunga noku ingabhekiswa kuBalawuli bee-EMDC, kuBacebisi ngezeKharityhulam aBaziintloko nakuBaququzeleli boVavanyo.
8. This circular serves as.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:12:02