1. UMphathiswa weMfundo kazwelonke uye waqinisekisa kwintlanganiso yeBhunga laBaphathiswa beMfundo (Council of Education Ministers) ngomhla wama-20 Septemba 2004 ukuba iNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke yeMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training) (FET) iya kuqaliswa kwiBakala 10 ngoJanuwari 2006, kwiBakala 11 ngo-2007 nakwiBakala 12 ngo-2008.
2. Uqeqesho lwabo bonke ootitshala beFET kuqulunqo lwekharityhulam nemigaqo esekelwe kwiiNCS luya kuqhutywa yikomiti yoqeqesho yephondo eqeqeshwe yikomiti ephambili yoqeqesho kazwelonke. Ii-EMDC ziya kwazisa zonke izikolo ngemihla neendawo oluya kuqhubekela kuzo uqeqesho emva kokuba kugqitywe ezi zinto.
3. Bonke ootitshala bezifundo zeFET bamenywa ukuba beze koomasifundisane bokwazisa izikolo ezisebenzisanayo ngokuqulathwe zizifundo abaye baqhutywa zii-EMDC kwikota yesithathu neyesine. Ootitshala ababekho bafumana izikhokelo zezifundo ezibini. Olu xwebhu Subject Information Guideline nolusisikhokelo ngokubanzi, lushwankathela iNCS kunye nezona zinto zibalulekileyo kuyo. Esi sikhokelo masisetyenziswe ngenjongo yokuqondisisa ingcaciso yomxholo emfutshane nonxibelelwano lwayo neNCS Overview Policy and the Qualifications and Assessment Policy. Isikhokelo sesibini sezifundo, i-Analysis of new subject knowledge, skills, methodology, IT and assessment requirements according to learning outcomes, sinika isikhokelo esifutshane, kodwa esibanzi, ngokuqulathwe sisifundo esitsha ithekhinoloji yezengcaciso nonxibelelwano (information and communication technology (ICT)), kunye neendlela zovavanyo ezifunekayo.
4. Bayakhuthazwa ootitshala ukuba basifunde esi sikhokelo ukulungiselela uqeqesho lwe-2005 FET NCS. Esi sikhokelo siya kwenza ootitshala baqhelane yaye bakwazi okuqulathwe kwisifundo esitsha kuze ke oku kuncede ekuboniseni nayiphi na imfuneko yokwandisa izakhono kwi-ICT kunye/okanye yokuzixhobisa kwakhona ngezakhono ze-ICT.
5. Njengangoku iSebe leMfundo leNtshona Koloni lixakekile likhetha, ngentsebenziswano namaziko emfundo ephakamileyo, iintlobo ngeentlobo zezifundo ezikhredithiweyo nezingakhredithwanga zekharityhulam yeFET kunye neemodyuli zeAdvanced Certificate in Education. Zakuba zigqityiwe, uluhlu lwezi zifundo luya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo luze lufakwe nakwiziko lewebhu leKharityhulam.
6. Ukuncedisa ootitshala ekukhokeleni abafundi beBakala 9 ukuba bakhethe izifundo zeFET ngengqiqo yaye benze nezigqibo ezizizo ngamakhondo emisebenzi, uMlawuli: woPhuhliso lweKharityhulam, esebenzisana nee-EMDC, sele eyigqibile iprogram yoqeqesho yePACE kootitshala beBakala 9 no-10 yeZifundo zoLwazi ngezoBomi (Life Orientation). Zonke izikolo ezithathe inxaxheba zathunyelwa ikopi yeprogram ngokusebenzisa ikhompyutha.
7. Enye indlela yokunika inkxaso kootitshala eyenziwa njengangoku liCandelo loPhuhliso lweKharityhulam yejolise kuphuhliso lwe-e-Kharityhulam yeFET, kusetyenziswa izifundo ezikumaziko ewebhu. Ezi zifundo zikumaziko ewebhu ziya kunika ootitshala indlela yokufikelela ngqo kubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu kwaNdlunkulu nakubacebisi ngezekharityhulam abakwii-EMDC. Ngako oko ke ootitshala baya kuba yinxalenye yenkqubo yokufundisa edibeneyo yephondo yaye baya kuthi qho bafumane izinto eziqhubekayo ngezifundo ezo kwanengcaciso ngazo. Kwakhona ootitshala baya kuba nako ukucingisisa ngokuqhubekayo ezikolweni zabo, baze bathathe inxaxheba noogxa babo ekuqondeni nasekulungiseni ikharityhulam, baze bavelise yaye babelana ngezimvo, ngeeprogram zezifundo, ngezicwangciso zezifundo, njl. njl. Kuya kwenziwa uqhagamshelwano nabaya kuzuza lukhulu kulo, kunye noovimba bolwazi abanjenge-Edulis, Edumedia kunye neCandelo leeMviwo.
8. Kumaxhaphetshu kwiCandelo loPhuhliso lweKharityhulam kwenziwa umsebenzi omkhulu wokunika inkxaso kwezonxibelelwano ngeekhompyutha (ICT) ezikolweni. Sele ziqatshelwe izifundo ezifuna usetyenziso lweekhompyutha ukuze kufikelelwe kwiziphumo zezifundo ezo. Nakuba kunjalo, phantse zonke izifundo ziyazuza kusetyenziso lweekhompyutha ukwenzela ukuba kufunyanwe ulwazi nengcaciso kwi-intanethi. Ingcaciso emfutshane ngokumalunga noku iza kuthunyelwa ezikolweni kungekudala. Ukongeza, kulungiswa uluhlu lwe-sotfware yekhompyutha ecetyiswayo ukuncedisa izikolo ekukhetheni i-sotfware yekhompyutha yokuxhasa izifundo zeNCS, lo gama kusenziwa iziko ledatha ukwenzela ukuba kube lula ukufikelela kwiintlobo ngeentlobo zamaxwebhu.
9. Kufuneka izikolo zizikhethele izifundo zazo zeFET NCS, oko kwenziwe phantsi kweliso lee-EMDC zazo. Ibaluleke kakhulu le ngcaciso ekuboniseni iimfuno zekharityhulam zesithili nasekuboniseni uqeqesho nophuhliso lootitshala olufunekayo. Abaphathi beesekethe sele befumene uqeqesho lokunika inkxaso izikolo ngeli thuba lale nkqubo ibaluleke kangaka.
10. IKhanya iza kuqalisa inkqubo yokuxhobisa zonke izikolo eziza kufundisa iFET NCS ubuncinane ngelabhoratri yekhompyutha eneendawo zokusebenzela ezingama-25 (25 workstations). Ukongeza, abasebenzi beKhanya baya kubonelela ngoqeqesho olufanelekileyo lolwazi lwekhompyutha kubo bonke ootitshala ngokweemfuno zabo. Le nkqubo iya kugqitywa ngo-Apreli 2006.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:11:11