1. Ngokomgaqo-nkqubo wezoMdaniso weSebe leMfundo leNtshona Koloni weThutyana wangoMeyi 2000, izikolo zinako ukwenza izicelo qho ngonyaka zesithuba sikatitshala wezomdaniso.
2. Nakuba kunjalo, njengoko lo Mgaqo-nkqubo wezoMdaniso weThutyana uphantsi kohlaziyo ngoku, izikolo esezibonelelwe ngesithuba somdaniso nalapho utitshala afumaneka khona ukulungiselela owe-2005, eso sikolo sivumelekile ukuba singasigcina isithuba saso sezomdaniso ngo-2005.
3. Kwimeko apho isikolo siye salahlekelwa sisithuba sikatitshala wezomdaniso ngokuyeka kwakhe emsebenzini, kuya kwenziwa iinzame liSebe leMfundo leNtshona Koloni lokuba kuqeshwe omnye utitshala. Kukho, nakuba kunjalo, ukunqongophala kootitshala bezomdaniso.
4. Izikolo ezinqwenela ukugcina izithuba zootitshala zazo zezomdaniso ngowe-2005 mazazise uMlawuli woPhuhliso lweKharityhulam malunga noku ngoLwesihlanu, phambi komhla we-12 Novemba 2004. Nceda ufeksele esi saziso kule nombolo yefeksi 021 467 2620, okanye usi-imeyilele ku Jenny Rault-Smith (jrault-smith@pgwc.gov.za)


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:10:22