1. |
IiProgram zeziFundo ezinguMzekelo zeSigaba seSiseko kunye nesiPhakathi (The Foundation and Intermediate Phase Exemplar Learning Programmes) ebezisandula ukuthunyelwa ezikolweni ziya kufumaneka ngokwenziwa kwesicelo malunga nazo ngolu hlobo lulandelayo: IiProgram zeZifundo ezinguMzekelo (The Exemplar Learning Programmes) zingafumaneka ngamaxwebhu eWord kwiziko lewebhu leWCED.
Ndwendwela unxibelelwano lwezekharityhulam: Curriculum Development (http://curriculum.wcape.school.za) uze xa ulungiselela
ULwazi lokuFunda nokuBhala leSigaba sesiSeko kunye noLwazi lokuBala, uye kwi ‘Foundation Phase and Early Childhood Education’ neyinxalenye yesayithi, klikha ku ‘Resources’ uze ukhethe u ‘Learning Programme Exemplars’ apho unako ukufumana (download) ezo zinto uzifunayo.
Ngokumalunga ne-Intermediate Phase Mathematics, yiya ku ‘Mathematics GET sub-site,’ uklikhe ku ‘Resources’ ukhethe u ‘Learning Programme Exemplars’ apho unako ukufumana khona amacandelo athile owafunayo.
KwiiLwimi zeSigaba esiPhakathi, khangela ku ‘Languages GET sub-site’, uklikhe ku ‘Resources’ ukhethe u ‘Learning Programmes Exemplars’ apho unokufumana khona amacandelo athile owafunayo.
La maxwebhu anokufumaneka kwi-intanethi ngokuzimeleyo aze alungelelaniselwe iimfuno ezo zesikolo.
|
Ukuba ezinye zezi zixhobo zokufunda zongezelelweyo ziyimfuneko, nceda uzalise le fom incanyathiselweyo uyifeksele kwaEdumedia phambi komhla we-4 November 2004 khon’ ukuze kube nokushicilelwa inani elichanekileyo leekopi ngamaxabiso afikelelekayo. Kuya kwenziwa nawuphi na umzamo ukufumana iiCD okanye iikopi eziphathekayo zisiwe ezikolweni phambi kokuphela kukaNovemba.
ISAYINWE: NGU-M.J. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:10:20
|