1. Okuthunyelwa nolu xwebhu zizintlu zeencwadi ezimiselweyo zofundo loncwadi ngo-2005.
2. Ezi zintlu zenzelwe injongo yokunciphisa imfuneko yokuthenga iincwadi ezintsha, kodwa enziwe namalungiselelo okufakwa kweencwadi ezintsha.
3. Kucelwa ukuba ungenise iingcebiso (recommendations) okanye izimvo (comments) zakho (ekukhethwa ukuba zibe zezibhaliweyo) lingadlulanga eli xesha 14:00 ngowesi-27 Februwari 2004. Zonke iingcebiso nezimvo ziya kuthathelwa ingqalelo ziiKomiti zoNcwadi oluMiselweyo (Prescribed Book Committees) yaye, ukuba kukho imfuneko, kuya kwenziwa izilungiso (amendments) phambi kokuba kukhutshwe izintlu zokugqibela.
4. Ngenisa iingcebiso okanye izimvo zakho kulo
Head: Education (Attention: Mr TJ Magwaca)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114	
CAPE TOWN
8000
OKANYE zithumele nge-i-meyili kulo: TJ Magwaca (tmagwaca@pgwc.gov.za)


ISAYINWE: NGU-J. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:01:19


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule kwingcaciso, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).