1. Okuqhotyoshelwe kolu xwebhu yimizekelo yeeprogram zezifundo, izicwangciso zomsebenzi nezicwangciso zezifundo zoLwazi lweZibalo noLwazi lokuFunda nokuBhala: isi-Afrikansi uLwimi lweNkobe, isi-Afrikansi uLwimi loKuqala oLongezelelweyo, isiNgesi uLwimi lweNkobe, kunye nesiNgesi uLwimi loKuqala oLongezelelweyoe ebhalwe ngolwimi ekufundiswa ngalo sisikolo. Iiprogram zezifundo zesiXhosa uLwimi lweNkobe kunye noLwazi lokuFunda nokuBhala zesiXhosa ziya kuposelwa ezikolweni kamva.
2. Ezi program zezifundo ziqulunqwe ngootitshala abasenkonzweni yaye zifikelela kuzo zonke iziphumo zezifundo eziyimfuneko nemigangatho yovavanyo yalo nkalo yesifundo ngesifundo. Isikolo ngasinye masizenzele iiprogram zezifundo zaso, sithathele ingqalelo imeko yesikolo eso. Umzekelo, iprofayili yolwimi lwabafundi nezithintelo abajongene nazo abafundi maziboniswe kwisicwangciso sesikolo.
3. Qaphelani ukuba la maxwebhu akangumgaqo-nkqubo weSebe leMfundo leNtshona, kuloko ayimizekelo nje kuphela yokunceda ootitshala ekucwangciseni umsebenzi wabo.
4. Kukwaqhotyoshelwe nekopi yesi sichazi-magama Multilingual Mathematics Dictionary for Grade R to 6 esiveliswe liZiko leeLwimi likaZwelonke ukuxhasa ukuphunyezwa kwe-RNCS.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:09:23


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule kwingcaciso, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).