1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukuvakalisa umbulelo walo ongazenzisiyo kubo bonke ootitshala abeza koomasifundisane bokuqeqeshelwa iPACE ngokuthatha kwabo inxaxheba ngolangazelelo olukhulu. Sinethemba lokuba ulangazelelo lwabo baya kuludlulisela kubafundi xa sekusenziwa iprogram yePACE. Kwiindawo apho abafundi sebesazi ngale program, baye bancedakala kakhulu ekwenzeni izigqibo ezibonisa ukuvuthwa engqondweni ngokumalunga nokuzikhethela izifundo.
2. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba iBhunga leMisebenzi yezeMpilo laseMzantsi Afrika (Health Professions Council of South Africa (HPCSA)) licacisa lithi kuphela ngootitshala abaqeqeshelwe ukwazi ukuzaliswa kwekhweshine yePACE nokuyimakisha amabasingathe lo msebenzi.
3. Kungaqhagamshelwana noNksk BJ Prince kule nombolo yefoni 021 467 2585/nombolo yefeksi 021 467 2258/dilesi ye-imeyili Brenda Prince (bprince@pgwc.gov.za) phambi kowe-15 Oktobha 2004 ukuba amaziko afundisa abafundi beBakala 9 anqwenela ukuba kwenziwe abanye oomasifundisane/ukufumana enye ingcaciso.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:09:14