1. Le ngcaciso imfutshane uyithunyelelwa nencwadana enezilungiso zeempazamo zeCandelo A leminye yemiSebenzi eFanayo yoVavanyo (Common Tasks for Assessment - CTAs)
2. Kucelwa niqaphele ukuba akukho zimpazamo zikhoyo kwezi CTA zilandelayo: IsiNgesi uLwimi lweNkobe, IsiNgesi uLwimi oloNgezelelweyo, IiSayensi zoQoqosho nezoLawulo (IsiNgesi nesi-Afrikansi), IiSayensi zeNdalo (IsiNgesi kuphela), IiSayensi zoLuntu nezeNtlalo (IsiNgesi kuphela), IThekhinoloji (IsiNgesi kuphela).
3. Incwadi esetyenziswa ngutitshala yeCandelo A< yenkalo yesifundo/b> nganye inika ingcaciso ngamancedo ayimfuneko kumsebenzi ngamnye. Oku kuya kwenza ootitshala babe nako ukwenza amalungiselelo ayimfuneko okwenza iCandelo A lee-CTA ngemihla enikwe kwiSetyhula 35/2004.
4. Luxanduva lweenqununu iCandelo B ukugcina lee-CTA liyimfihlo emayingaze ixelelwe nawuphi na umfundi okanye umzali, zide zibe ziyabhalwa phantsi kwemiqathango yokubhalwa kweemviwo ngokwethayimthebhile ekwiSetyhula 35/2004.
5. Ziyakhunjuzwa kwakhona izikolo ukuba uvavanyo maluqhutywe ngokwemiyalelo emayisetyenziswe ekwiSetyhula 35/2004.
6. Siya kukuthakazelela kakhulu ukusinika kwenu ingxelo ngokuqhubekayo ngokumalunga nale nkqubo yee-CTA yaye inokuthunyelwa kuMlawuli wezoPhuhliso lweKharityhulam.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:09:08

Errata Booklet  (ubukhulu: 98 KB)