1. ICandelo leMfundo noQeqesho Jikelele (The General Education and Training band)(GET) libonelela ngesiseko salo lonke uphuhliso lwezabasebenzi kweli phondo, lo gama icandelo leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training band (FET)) libonelela ngamathuba okuphuhliswa kwezakhono nolwazi olulodwa noluyimfuneko malunga nezengqesho nasekuthatheni inxaxheba kwezoqoqosho.
2. Nakubeni kunjalo, iinkcukacha zemigangatho yemfundo eNtshona Koloni zibonisa ukuba uninzi lwabafundi abahlali bazondelele kule nkqubo ngaphezu kweminyaka elithoba. Iinkqubo zokunika inkxaso neeprogram ezithile kufuneka ngoko ke ziqulunqwe ukukhuthaza izinga lokufunda kwabafundi bagqibe (throughput rate) baze bakhokelwe kakuhle ukusiwa kumathuba emfundo nawengqesho aphezulu.
3. Ukuze kufezekiseke oku, enye yeendlela eya kusetyenziswa liSebe leMfundo leNtshona Koloni luvavanyo lwezakhono nobuchule bengqondo kunye nomdla wabo bonke abafundi abakwiBakala 8. Iziphumo zizo eziya kuqinisekisa ukhetho lwabo lwezifundo nkqu nokukhetha kwabo iziko elo, umz, isikolo okanye ikholeyi ye-FET, apho banokuqhubela phambili ngezifundo zabo ze-FETC.
4. Ukuxhasa eli linge, kusaqulunqwa iikhosi eziya kuthatha usuku olunesiqingatha ukulungiselela bonke ootitshala abajongene nezifundo zoLwazi ngezoBomi kwizikolo eziphakamileyo. Kwezi khosi utitshala omnye we-GET nomnye we-FET baya kuqeqeshelwa ukusebenzisa iprogram ye-PACE evunywe kuzwelonke ecebisa ngezifundo/ikhondo lomsebenzi, nekwanezixhobo ezifanelekileyo zokuyiphumeza. Uqeqesho ngokupheleleyo luya kwenziwa kwisithuba seminyaka emithathu.
5. Iprogram ye-PACE iyafumaneka kwi-elektronikhi nangeentlobo zeekopi eziphathekayo. Zonke izikolo ezinezibonelelo zeekhompyutha ziya kuthunyelwa olu didi lwe-elektronikhi. Okubhalwe ngaphakathi kule program kuqingqelwe ukuba kube nokuhlangabezana neziphumo zezifundo njengoko kukhankanyiwe kwinkalo yesifundo soLwazi ngezoBomi. Injongo yoku kukuqinisekisa ukuba bonke abafundi ngabanye banepothifoliyo equlethe ubungqina bokuphumelela kwakhe kumalungiselelo e-FET okanye ingqesho.
6. Njengengabula-zigcawu ngokuphathelele kolu qeqesho, omnye wootitshala kwabatyunjiweyo uyamenywa ukuba azimase itheko elilodwa eloququzelelwa ngabakwaCareers and Training Expo, eBaxter Theatre, ngomhla we-5 Februwari 2004. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kwenza imbuyekezo kootitshala ngeendleko zabo zokuhamba.
7. IBhunga laBasebenzi bezeMpilo baseMzantsi Afrika (the Health Professions Council of South Africa (HPCSA)) laye lenza uhlolo lwale program licebisa ukuba mayisetyenziswe ngokusemgangathweni ngabantu abaqeqeshiweyo nabanolwazi kuphela. Ngoko ke ngootitshala abafumene uqeqesho lweprogram ye-PACE abanako ukwenza uhlolo lwekhweshine ngokumalunga nezinto umfundi anomdla wokuzenza.
8. Zonke iindleko zothutho nezokubonelela ngokutya ukulungiselela ezi khosi zoqeqesho ziya kuhlawulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni yaye izikolo ziyakwaziswa ngemihla neendawo ekuya kuqhutyelwa kuzo olu qeqesho nje ukuba kugqitywe malunga noko. Ootitshala abazimasa ezi ndibano baya kuba nako ukuqhubela phambili ngoqeqesho lwabasaqalayo ukuze bakwazi ukuqokelela iikhredithi kumanqanaba 5 nawe-6 eNQF.
9. Iinqununu zazo zonke izikolo zemfundo ephakamileyo ziyacelwa ukuba zizalise le khweshine iqhotyoshelweyo ziyingenise ku: The Training Project Manager, Ms BJ Prince, Senior Curriculum Planner (Life Orientation and Life Skills: FET) kwaNdlunkulu ngeposi, okanye ifeksi 021 467 2258 okanye i-imeyili Brenda Prince ( bprince@pgwc.gov.za ) phambi komhla wama-31 Januwari 2004.


ISAYINWE: NGU-J. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:01:15

Annexure/Bylae A  (ubukhulu: 6 KB)