1. Kulo nyaka uSuku loLwazi lokuFunda nokuBhala lwaMazwe ngaMazwe lungoLwesithathu we-8 Septemba, ize iVeki yoLwazi lokuFunda nokuBhala yaMazwe ngaMazwe, ebizwe ngokuba yiVeki yeeNcwadi yaBantwana baseMzantsi Afrika ngo-2004, yona iqale ngoMvulo we-6 ukuya kutsho ngoLwesiHlanu we-10 Septemba.
2. Ukuqaphela esi siganeko sibaluleke kangaka, ayakhuthazwa onke amaziko eSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba enze amalungiselelo okuvuyela esi siganeko ezenzelwa abafundi nootitshala.
3. Izikolo ziyakhuthazwa ngakumbi ukuba zijoyine umzuzu wokufundwa kwamabali njengomqondiso wokuxhasa ngamandla lo mzuzu wokufundwa kwamabali kwilizwe liphela ngokujoyina Umzuzu wokuFundwa kwaMabali kwiHlabathi liphela ngo- 09:50 ngoLwesibini we-7 Septemba. Injongo kukuba umfundi ngamnye wesikolo saseprayimari kweli lizwe aphula-phule ibali ngo-‘Ten to Ten on Tuesday’. Isithethi sembeko okanye omnye utitshala angabalisa ibali kwindibano eyodwa yesikolo siphela emayenziwe ngeli xesha, okanye ootitshala bangenza kwaoku elowo nalowo kwiklasi yakhe. (Funda iSihlomelo A ukujonga uluhlu lwezinto yinto ezifanele abafundi.)
4. Ukuze kube nokwenziwa igalelo ekuziqheliseni ukufunda, iCandelo loMlawuli: LoPhuhliso lweKharityhulam kunye ne-EMDC nganye kwezo zisi-7 bazimisele ukuqalisa iiklabhu zootitshala zokufunda iincwadi ezikolweni. Siyakhuthazwa ngasinye isikolo ukuba silandele lo mzekelo ngokuthi sizithathele umfuziselo ofanele imeko yaso siwusebenzise. (Funda iSihlomelo B ngokumalunga noku.)
5. Xa ufuna ingcebiso engaphezulu unokuyifumana kwaba Baququzeleli boLwazi lokuFunda nokuBhala kwezi EMDC zilandelayo:
Metropole Central:              Mr G Davids        021 659 4423
Metropole East:                 Ms K Mabandla      021 900 7014
Metropole North:                Ms J Caroto        021 938 3018
Metropole South:                Ms S Slingers      021 374 4107
Breede River/Overberg:          Ms M Siddle        023 348 4633
South Cape/Karoo:               Ms C du Plessis    044 690 4007 
West Coast/Winelands:           Ms J Baatjes       021 860 1562
                                Ms F Lawrence      021 860 1561
6. Ziyabongozwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zisixhase mpela esi siganeko.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:25

iSihlomelo A  (ubukhulu: 33 KB)
iSihlomelo B  (ubukhulu: 14 KB)