1. UmNyhadala kaTirisano woMculo weeKwayara zeZikolo (ekungumsebenzi ekubanjiswene ngawo liSebe leMfundo neFirst National Bank), apho izikolo ezili-18 zaseNtshona Koloni zathatha inxaxheba, waqhutyelwa eRandburg ukususela kowoku-1 kuye kowe-4 Julayi 2004.
2. Oku kulandelayo ziziphumo ezafunyanwa zizikolo zaseNtshona Koloni:
2.1 Abankqenkqeza phambili kumahlelo ababengenele wona

Fezeka Secondary School (Iikwayala zamadoda (Male Choirs)) Thembelihle Secondary School (Ocula yedwa indyondyo (Bass Solo) Luhlaza Secondary School (Abacula bebabini (Duet))

2.2 Abaphuma isibini kumahlelo ababengenele wona

Symphony Primary School (Iculo ozikhethela ngokwakho) Joe Slovo Secondary School (Ocula yedwa itena) Luhlaza Secondary School (Elesi-Afrikansi nabacula bebane)

2.3 Abaphuma isithathu kumahlelo ababengenele wona

Marconi Beam (abacula besibhozo kunye nabathandathu bexubene) Wolseley Secondary School (iFNB Jingle) Huguenot High School (Iculo ozikhethela ngokwakho)

2.4 Abaphuma isibini ngokucula kwabo uMhobe weSizwe

Ikwayala edibanise zonke iiSekondari zaBadala zaseNtshona Koloni

3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni libulela bonke likwavuyisana nabo bonke abathathi-nxaxheba kunye nezikolo ezangenela lo mnyhadala.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:05