1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni livakalisa umbulelo walo kuzo zonke iinqununu nootitshala abaye basebenzisa ixesha leholide ekuyeni kuqeqesho lweeNgcaciso ngeKharityhulam kaZwelonke eHlaziyiweyo (Revised National Curriculum Statement). Olu qeqesho lunike ootitshala ithuba lokuqalisa ukucwangcisa iiprogram zezifundo zamaBakala amathathu esiGaba sabaPhakathi (amaBakala 4 - 6).
2. Ziyacelwa iinqununu ukuba zikhuthaze ootitshala baqhubeke nezicwangciso zabo zeeprogram zezifundo zika-2005 ngamaxesha nengeendlela ezifanele iprogram yemisebenzi yesikolo iphela.
3. Ukwenzela ukuba eli Sebe leMfundo libe nako ukunika inkxaso eqhubeka okokoko kule nkqubo yokucwangcisa, makungeniswe kuMcebisi ngezeKharityhulam oyiNtloko kwii-EMDC echaphazelekayo ungadlulanga umhla we-10 Septemba 2004 iiprogram zezifundo ezizidrafti okanye ubuncinane isicwangciso esibonisa ukuba ziya kugqityezelwa njani na ekupheleni kuka-Oktobha.
4. Iithebhile ze-WCED RNCS zokwenza izicwangciso ezingezi lwimi (isiNgesi nesi-Afrikansi) zinokukotshwa kweli ziko lewebhu Revised National Curriculum website (http://curriculum.wcape.school.za/site/104/page/view/). Klikha apha 'Policies…' uze uhle uze apha 'Learning support'. Ezi thebhile (tables) zikwafumaneka kwakhona zikwi-CD kwa-Edumedia kule nombolo yefoni 021 689 9536.
5. NgoSeptemba izikolo ziza kunikwa imifuziselo yeeprogram zezifundo kwiiLwimi nakwiMathematika.


ISAYINWE: NGU-M.J. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:08:06