1. Ziyakhuthazwa iinqununu nootitshala abakwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba batyumbe abafundi abangamantombazana abenza ngoku iMathematika HG neSayensi HG kwiBakala 12, okanye abenza ezi zifundo kweli nqanaba ngo-2002 okanye ngo-2003, ngenjongo yokuba bawongwe ngala mabhaso e-Carnegie-South Africa Undergraduate Women’s scholarship awards.
2. Iprogram ye-Carnegie-South Africa Scholarship ziinzame zeSebe leMfundo likaZwelonke (National Department of Education (DoE) ngokubambisana ne- Carnegie eMelika. Injongo yale program kukwandisa amanani abafundi abangamabhibqa abangenela izifundo nabafumana izidanga kwizifundo zesayensi, zethekhinoloji, zobunjineli, zeesayenzi zezempilo, nakwizifundo zezoqoqosho nezemfundo. Ukuza kuthi ga ngoku lishumi elinesithathu labafundi abaxhamle kule program eluncedo neye yabonelela yaye isaza kuqhubeka ngokubonelela imali kumaqela amathathu abafundi abangamabhinqa abangena kwimfundo ephakamileyo ngo-2003, 2004 nango-2005.
3. Ukuze bafaneleke kwesi sikolashiphu ngo-2005, kufuneka abafundi abangamabhinqa abenza iBakala 12 kwisikolo sikarhulumente saseMzantsi Afrika okanye abapase imatriki kwisikolo esilolu hlobo ngo-2002 okanye ngo-2003. Abenzi-sicelo mababe ngabemi baseMzantsi Afrika, babe ngabafundi abakwi-5% yabo batshatsheleyo ezifundweni kunyaka abakwiBakala 12 ngawo yaye babe nomdla ekufundeni elinye lala makhondo emfundo akhankanywe apha ngasentla. Kuya kuthathelwa ingqalelo iimfuno zemali. Ngasinye isikolo sikarhulumente seli Sebe leMfundo esinabafundi abangamantombazana kwiBakala 12 sinelungelo lokufumana iifom ezimbini. Ezi zikolo kwakunye nabafundi abasele besishiyile isikolo bangazifumana ezi fom kumaZiko loLawulo noPhuhliso lweMfundo (EMDCs) okanye kwaNdlunkulu.
4. Ingcaciso ngokumalunga nemithetho nenkqubo yokhetho zinikwe kwifom yesicelo. Iifom zezicelo ezizaliswe zonke iinkcukacha mazifike kule dilesi ilandelayo ungadlulanga umhla we-17 Septemba 2004:
Carnegie-South Africa Scholarship Programme
Department of Education
Private Bag X895
Pretoria
0001


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:07:27