1. Kwiminyaka emithathu edlulileyo iSebe leMfundo leNtshona Koloni liye lawonga izikolo ezathi zatshatshela kwiziphumo kwiimviwo zeMatriki kunye/okanye zaphucula iziphumo zeMatriki.
2. Njengoko liphezulu inani labafundi abayeka isikolo phakathi phambi kokufumana isiqinisekiso, ukunikwa kwamabhaso kushenxile ekuwongeni izikolo eziphumelela ngokuzuza umndilili oyi-100%, kwajolisa kwizikolo eziya zikhula ngenani labafundi abafumana isatifikethi seMatriki kwanabo abathi baphumelele, baze bakwazi ukudlulela phambili ngezatifikethi zabo.
3. Esi sicwangciso silandelayo sibonisa iziphumo zeMatriki ukususela ngo-1999 kuye ku-2003.
ISISHWANKATHELO SEZIPHUMO ZEMATRIKI UKUSAKA KU-199 - 2003
UNYAKA19992000200120022003
IHLELOAbasisi-gxina
BEBONKE
Abasisi-gxina
BEBONKE
Abasisi-gxina
BEBONKE
Abasisi-gxina
BEBONKE
Abasisi-gxina
BEBONKE
Inani labaviwa ababhlala lonke uviwo37 19937 81837 55938 11738 750
Inani labaviewa abazuza isatifikethi seMatriki29 30330 48931 04932 98533 769
Isatifikethi seMatriki sokwazi ukudlulela phambili (inani ne-% yenani lilonke labaviwa)9 090
24,4%
9 235
24,4%
9 378
25,0%
10 118
26,5%
10 323
26,6%
Inani nepesenteji yenani lilonke labaviwa abaphumelela emagqabini (umndilili 1260 - 1679)--6 024
16,0%
6 736
17,7%
7 005
18,1%
Impumelelo ngokwepesenteji78,8%80,6%82,7%86,5%87,4%

4. Nangona liye lakhula inani labafundi abazuza iSatifikethi seMatriki kwizikolo zaseNtshona Koloni ukususela ngo-1998, izinga lokwanda kwenani labo libangela inkxalabo. Inani lababhalisele iimviwo zeMatriki ngo-2004 libonisa ukuba linani elincinane nje lezikolo ezinabaviwa beBakala 12 abangaphezulu kwelo nani bezinalo ngo-2003 nokuba alandi inani labaviwa abakwaziyo ukudlulela phambili ngezatifikethi zabo.
5. Ngako oko ke ziyakhuthazwa iinqununu zezikolo ukuba zicinge indlela ezingenza ngayo ukwandisa inani labafundi beBakala 12 kunye nenani labafundi abenza izifundo eziya kwenza bakwazi ukudlulela phambili ngezatifikethi zabo baze ngokwenjenjalo bafake igxalaba kuphuhliso lwabasebenzi belizwe lethu.
6. Eli Sebe leMfundo, lithe ke ngoko lakhetha ukuba ngo-2004 likhuphe ibhaso lokuwonga ukuphucula iziphumo okanye ukuzinza kweziphumo ezihle lo gama kugcinwe okanye kwandiswe amanani abhalisele iBakala 12. Njengoko kuyinjongo yethu ukuqinisekisa ukuba abafundi baqhubela phambili bade baye kutsho kwiBakala 12, kuza kuphononongwa amanani abafundi kule minyaka mine idlulileyo kumaBakala 8 - 11. Zonke izikolo (kunye nezikolo ezizimeleyo) ezibhalisa abaviwa abaza kuhlalela iimviwo zeMatriki zeSebe leMfundo leNtshona Koloni ziya kufaneleka ukuwazuza amabhaso. Ngaphezulu, ngenxa yokuba izikolo ezahlukeneyo zisebenza phantsi kweemeko ezahlukeneyo kwaye zisebenza ngabafundi abamvelaphi yabo yahluke kakhulu, eli Sebe leMfundo liye laqalisa ukusebenzisa amahlelo aza kuthathela ingqalelo ezi yantlukwano naza kusebenza kwithuba leminyaka emithathu ukusuka ku-2002 ukuya ku-2004. Ngako oko ke ngo-2004 amabhaso aya kukhutshwa ngolu hlobo:
6.1 Ihlelo 1: UkuTshatshela ezifundweni

Ihlelo 1a - Iziphumo ezisemagqabini kwezo meko sisebenza phantsi kwazo isikolo

Zizikolo ezilishumi eziza kuzuza amabhaso ngokuphumelela emagqabini nokuba zithi gqolo zibe neziphumo eziqaqambileyo (khangela kumhlathi 7), ngokumalunga neemeko isikolo esisebenza phantsi kwazo (khangela kumhlathi 7), lo gama isikolo sigcine okanye sandise amanani abhalisele iBakala 12.

Ihlelo 1b - Iziphumo ezisemagqabini ngokwemilinganiselo emiselweyo

Zonke izikolo ezifumene iziphumo ezisemagqabini. Nantsi eyona milinganiselo isezantsi emiselweyo

  • ubuncinane ibe ngumndilili oyi-95% uwonke wokupasa kwabafundi KUNYE

  • nomndilili ongaphezu kwe-75% wokupasa imatriki kwabangadlulela phambili KUNYE

  • nomndilili wokupasa emagqabini oyi-60% ubuncinane.

6.2 Ihlelo 1b: Ukuphucula iziphumo zeMatriki nenani labaviwa eliphumeleleyo

Ihlelo 2a - Ukuphucula inani labafundi abaqhubela phambili bade bayo kufikelela kwiBakala 12

Zizikolo ezilishumi eziza kuzuza amabhaso apho umndilili wokugcina abafundi esikolweni (retention rate) uye wathi gqolo wabonisa ukuphucuka ngamandla (khangela kumhlathi 7).

Ihlelo 2b - Ukuphucula izinga lokupasa iMatriki babe nokudlulela phambili

Zizikolo ezihlanu eziza kuzuza amabhaso apho izinga lokupasa kwabaviwa imatriki babe nokudlulela phambili lithe gqolo labonisa ukuphucuka ngamandla, lo gama isikolo sigcine okanye sandise amanani obhaliso lwabaviwa abasisigxina kwiBakala 12.

Ihlelo 2c - Ukuphucula izinga lokupasa iMatriki

Zizikolo ezihlanu eziza kuzuza amabhaso apho izinga lokupasa iMatriki lithe gqolo labonisa ukuphucuka ngamandla, lo gama isikolo sigcine okanye sandise amanani obhaliso lwabaviwa abasisigxina kwiBakala 12.

6.3 Ukuba zithi naziphi na izikolo zifikelele kwiziphumo zenqanaba elisemagqabini kwinkalo engakhankanywanga kule milinganiselo elapha ngasentla, ibhaso elilodwa liya kukhutshwa yiNtloko yeSebe leMfundo.

7. Okulandelayo yingcaciso yamabinzana-magama athile asetyenziswe kumhlathi 6 ngasentla:
  • iziphumo ezisemagqabini: zithathelwa kwinqanaba lempumelelo efunyenweyo iyonke edibanisa zombini

  • inani nepesenteji yabaviwa abaphumelele uviwo kunye nabo baphumelele iMatriki bekwazi ukudlulela phambili ngezatifikethi zabo

  • iimeko esisebenza phantsi kwazo isikolo: ixhomekeke kwifizi ezabizwa sisikolo ngonyaka ngo-2003

  • ukwazi ukugcina abafundi esikolweni: kubalwa ngokusebenzisa inani labapasileyo kwiBakala 12 ngo-2004 njengepesenteji yobhaliso lwabafundi beBakala 8 kwakweso sikolo sinye ngo-2000; abapasa iBakala 12 ngo-2003 njengepesenteji yobhaliso lwabafundi beBakala 8 ngo-1999, njalo njalo.)



ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:07:30