2. |
Abathathi-nxaxheba mabakhunjuzwe ukuba baziphathele iikopi ze-RNCS kwezi seshoni zikhankanywe ngentla (khangela umhlathi 3.2 wale setyhula ikhankanywe apha ngasentla). Mazincede iinqununu, amalungu eekomiti zolawulo lwezikolo (SMTs) nootitshala beSigaba esiPhakathi baziqhelanise nokubhalwe kula maxwebhu ngokuthi bawafunde kwangaphambi komhla woqeqesho ukuze babe nokuzuza lukhulu kwezi seshoni zoqeqesho. |
3. |
Ukongeza, mabacelwe abathathi-nxaxheba kwisikolo ngasinye ukuba beze kuqeqesho bephethe ubuncinane ikopi enye yala maxwebhu omgaqo-nkqubo alandelayo naselethunyelwe ezikolweni:
- Incwadi yoMgaqo-nkqubo yooTitshala (Policy Handbook for Educators - ELRC 2003)
- IPhepha leNgcaciso ngoMgaqo-nkqubo 6: IMfundo eneeMfuno eziZodwa, Julayi 2001 (Education White Paper 6: Special Needs Education, July 2001)
- UMgaqo-nkqubo kaZwelonke ngezeNkolo neMfundo, 11 Septemba 2003 (National Policy on Religion and Education, 11 September 2003)
- ULwimi kuMgaqo-nkqubo wezeMfundo, 14 Julayi 1997 (Language in Education Policy, 14 July 1997)
- ISikhokelo soVavanyo kwiMfundo noQeqesho ngokuBanzi (WCED, Nov 2003)
- (General Education and Training Assessment Guidelines (WCED, Nov 2003)
- ISikhokelo sikaTitshala sokwenza iiProgram zeZifundo (Teacher’s guide for the development of Learning Programmes (zonke iinkalo zezifundo). ISebe leMfundo likaZwelonke liya kuwathumela ngqo ezikolweni la maxwebhu kwakule kota.
- IiNkalo zeZifundo zeRNCS:IsiGaba esiPhakathi) IiNcwadi neZinto zokuFunda zeziGaba 4-6: 2004, WCED (RNCS Learning Area: Intermediate Phase: Grade 4-6 Resource Material: 2004, WCED)
|
4. |
Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba beziceliwe ukuba zithumele bonke ootitshala besiGaba esiPhakathi besikolo kwikhosi efanayo. Inzuzo eya kufunyanwa sisikolo ngenxa yoku iya kuba yile, phantse ziintsuku ezimbini eziya kusetyenziswa kucwangciso kule khosi yaye oku kuya kunceda ootitshala ukuba babe sebenolwazi kade lokucwangcisela u-2005 ngokumalunga neeprogram zezifundo zesiGaba esiPhakathi kunye neesheduli zomsebenzi webakala ngalinye lesikolo. Ootitshala baya kunikwa izatifikethi zokuza ekhosini ye-RNCS zonke iintsuku. |
5. |
Ziyacetyiswa izikolo ukuba zikungqine ukubhalisa kwazo kwi-EMDC njengoko iiseshoni eziliqela zinenani elininzi lootitshala ababhalisele zona. Njengoko le meko yenza kube nzima ukuqhuba uqeqesho nokuxoxa kakuhle, ii-EMDC ziye zenza amalungiselelo okuba abanye abathathi-nxaxheba bangene kwiVeki 2. Akubanje eqoshelisiwe amalungiselelo, iindawo ekuza kuqhutyelwa kuzo iikhosi aziyi kuba nako ukwamkela abathathi-nxaxheba abangabhalisanga okanye abangaphezu kwenani. Ukuba utitshala ubhalisele ikhosi ethile, kodwa angezi kuyo, kuya kubizwa intlawulo yeendleko zokutya kweso sikolo sichaphazelekayo. |
6. |
Mazincede iikomiti zolawulo lwezikolo zibeke ixesha lokuba bonke ootitshala besiGaba esiPhakathi besikolo badibane ubuncinane kwiintsuku ezintathu (±24 iiyure) phambi kokuphela kuka-Agasti ukuze benze kunye isicwangciso ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ootitshala baya kuba bekulungele ukuphumeza iRNCS ngoJanuwari 2005. Mazincede iikomiti zolawulo lwezikolo zenze amalungiselelo eli xesha lokucwangcisa nawexesha lokucwangcisa elizayo ngohlobo lokuba imeko ezingqonge isikolo neemfuno zesikolo zilungiselelwe yaye lingabi nakuphazanyiswa ixesha lokufundisa nelokufunda. |
7. |
Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yazo zonke iikomiti zolawulo lwezikolo neyootitshala besiGaba esiPhakathi ngokumalunga noku kulapha ngasentla yaye iya kuqinisekisa ukuba iRNCS iqaliswa ngokuyimpumelelo kwiSigaba esiPhakathi ngo-2005. |
ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:06:29
|