1. IYunivesithi yaseStellenbosch, ngentsebenziswano neSebe leMfundo leNtshona Koloni kunye neWorld Population Foundation (WPF), yenze iphakheji eyi-CD-Rom yoLwazi Banzi ngezoBomi (CD-Rom Life Orientation) nekwafumaneka iyikopi engamaphepha. Le program ilungiselelwe ukungqinelana neziphumo zezifundo ezitsha zoLwazi Banzi ngezoBomi ze-FET zamaBakala 10 -12, neziya kuqaliswa ngo-2006. Le program ikhuthaza ulwazi, izakhono, iimfundiso ngeziseko zentlalo (values) neengcinga ezikekelele kokuthile (attitudes) eziya kwenza abafundi bakwazi ukujongana nemingeni yobomi ngokuzithemba, ngempumelelo yaye bebonisa inkathalo.
2. Isikolo sakho sikhethwe ukuba sithathe inxaxheba kulo vulindlela wokulungiselela uphando, oku ke okuvunywe liCandelo lezoPhando leli Sebe leMfundo (WCED) (funda iSihlomelo B) nayikomiti yeYunivesithi yaseStellenbosch yee-ethiksi (ethics committee).
3. Njengoko kwenziwa isigqibo kwinkomfa yowe-31 Matshi - 3 Apreli 2004, olu phando lunguvulindlela luya kuqhubeka ukususela ngowe-21 Julayi 2004 ukuya kowe-23 Septemba 2004. Aza kwenziwa amalungiselelo ayimfuneko nesikolo sakho ubuncinane kwiveki enye phambi kokuqala kwalo.
4. Izixhobo zokufunda (i-CD-Rom, incwadana katitshala, iincwadi zabafundi zokusebenzela kunye nevidiyo yabazali) ziya kuthunyelwa kootitshala bezoLwazi Banzi ngezoBomi kwizikolo ezichaphazelekayo ngekhuriya phambi kowama-30 Juni 2004.
5. Ziyacelwa iinqununu zezikolo eziphakamileyo ezikhethiweyo ukuba zizalise iSihlomelo A zize zisifake kwigosa lezolawulo lweeprojekthi, uNks DM Conradie (kwidilesi ekwisihlomelo) phambi komhla wama-30 Juni 2004.
6. Siya kuyivuyela kakhulu intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:06:17

iSihlomelo A  (ubukhulu: 19 KB)
iSihlomelo B  (ubukhulu: 4 KB)