1. Iikopi zokwazisa zeNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke yeMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training (FET) National Curriculum Statement, “Isishwankathelo”, “UMgaqo-nkqubo osiSikhokelo weZiqinisekiso noVavanyo lwamaBakala 10 - 12 (Ngokubanzi)” kunye namaxwebhu esifundo ngesifundo kwezingama-21, sezithunyelwe kuzo zonke izikolo eziphakamileyo, ezidibeneyo nakwizikolo zabaphakathi (intermediate schools).
2. Ziyacelwa izikolo ezingekawafumani la maxwebhu ukuba ziqhagamshelane noMcebisi ngezeKharityhulam oyiNtloko kwii-EMDC zazo kwezo ndawo zikuzo.
3. Ukuza kuthi ga ngoku amaxwebhu afumaneka ngesiNgesi kuphela, kodwa ke azikagqitywa iingcaciso ngezifundo zeThekhinoloji kwezoMbane (Electrical), kwezeZakhiwo neeNdlela (Civil) nakwezooMatshini (Mechanical), ezoBuchule kwiMizobo noYilo (Engineering Graphics and Design) neZifundo zezeNkolo (Religious Studies).
4. Sekulithuba amagosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni neengcali zeelwimi bephethe umbandela wokuveliswa kweengcaciso zezifundo kwiilwimi ezingezozaseburhulumenteni okanye zangaphandle, ezinjengesiJamani, isiFrentshi, isiLatini nesi-Arabhu. Ezi ngcaciso ngezifundo ziya kufumaneka ebudeni balo nyaka, kunye neenkcukacha ezingaphezulu ngokumalunga nendlela eziya kusingathwa ngayo.
5. Oomasifundisane bokucacisa iingcaciso zezifundo zeFET NCS kwisifundo ngasinye zeFET NCS baya kwenziwa kwikota yesithathu. Aba masifundisane baya kuqhutywa ngabacebisi ngezekharityhulam be-EMDC nangabacebisi ngezekharityhulam abakhulu abasuka kwaNdlunkulu. Baya kucalula ingcaciso ngesifundo njengoko ipapashwe kwiGazethi kaRhulumente 25545 [ubukhulu: 211 KB] (ISaziso 1407) (Government Gazette 25545 (Notice 1407)) yomhla wesi-6 Oktobha 2003. Kujongwe ukuba aba masifundisane baya kunika ulwazi oluya kwenza siqondwe ngokufanayo isikhokelo somgaqo-nkqubo we-FET NCS.
6. Aba masifundisane bokucacisa iingcaciso zezifundo kufanele kwakhona banike ootitshala bezifundo zamaBakala 10 - 12 ulwazi olunzulu ngendima yomgaqo-nkqubo we-FET NCS kwiingcaciso zezifundo. Kufanele ootitshala, ekupheleni kwezi seshoni zokucaciselwa, bakwazi ukuqaphela iimfuno zokuphucula izakhono zabo okanye zokuzixhobisa kwakhona ngezakhono kwizifundo zabo nakwithekhinoloji yezengcaciso nonxibelelwano. Ukongeza, kufanele ezi seshoni zokucacisa zinike ootitshala isikhokelo esifanayo sokulungiselela uqeqesho kwiindlela zokufundisa izifundo ze-FET NCS noluya kuqhutywa kwikota yokuqala ka-2005.
7. ULawulo loLwabiwo lweZifundo eZikolweni ze-FET (FET School Landscaping)

Kukho ikhweshine eza kuthunyelwa ezikolweni ecela iinqununu ukuba zibonise ezo zifundo izikolo zazo zicinga ukuzifundisa kwi-FET. Le yinkqubo eyenziwa ngothetha-thethwano nabo bachaphazelekayo yaye kufuneka kubekho ukungqinelana kwabo basezikolweni, abakwii-EMDC nakwiphondo. Le khweshine iza kubonisa okona kunqwenelwa sisikolo ukuze amagosa e-EMDC abe nokujongisisa imeko kwizithili zawo. Kuza kufuneka iinqununu zithetha-thethane ngokubanzi nootitshala, namabhunga olawulo ezikolo noluntu oluyinxalenye yezikolo xa kukhethwa izifundo eziza kufundiswa. Ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise ezi khweshine ngokukhawuleza ukulungiselela ukuba kucwangciswe izinto ngendlela eyiyo ezikolweni, kwii-EMDC nakwiphondo.

Ukuncedisa inkqubo yolwabiwo lwezifundo ze-FET ezikolweni, kuqhotyoshelwe isihlomelo esinika isishwankathelo somgaqo-nkqubo we-FET NCS. Sibonisa ukwenziwa kwekharityhulam ye-FET, ukuhlelwa kwezifundo nemigaqo emayilandelwe xa kukhethwa izifundo ezihamba kunye. Kukwanikwe imizekelo emithathu yezifundo ezifundiswa kwikharityhulam ye-FET.

8. Ukulungiselela i-FET NCS: INdlela edibanisa izifundo ngezifundo (A multidisciplinary approach)

Bayakhuthazwa ootitshala neekomiti zolawulo lwezikolo ukuba bachithe ixesha besebenzisa i-CD ROM ekwiphakheji ye-WCED OBE eziimidiya ezininzi (WCED OBE multi-media package) ukulungiselela oomasifundisane be-FET NCS abaseza kwenziwa. Le program inika intshayelelo echaza nzulu kakhulu nge-OBE.

Sele isiya emaphethelweni iprogram yePACE yongenelelo ngoncedo lokunika uqeqesho. Kujongwe ukuba ibe ngama-800 ootitshala besifundo soLwazi Banzi ngezoBomi (Life Orientation) kumaBakala 9 - 10 abaya kuba befumene uqeqesho lokuncedisa abafundi ekukhetheni iiphakheji zezifundo zabo ukulungiselela i-FET nasekucingeni ngamakhondo emisebenzi anxulumene nezifundo ezo bazikhethileyo. Umdla oboniswe zizikolo kwezinye iindawo awukhuthazi konke. Ezo zikolo zingekabhalisi kufuneka zenjenjalo ngokukhawuleza ngokuthi ziqhagamshelane nomphathi weprojekthi, uNks B. Prince, kule nombolo yefoni 021 467 2589 okanye kule dilesi ye-imeyili: bprince@pgwc.gov.za.



ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:06:18

Annexure  (ubukhulu: 22 KB)