1. Le ngcaciso emfutshane iphathelele kwiSetyhula 58/2000 - yokwandiswa kwekharityhulam ezikolweni.
2. Abafundi beBakala 10 ngo-2006 baya kuqalisa izifundo ezitsha zeFET. Imixholo yezi zifundo iya kwahluka kuleyo yezifundo zeMatriki ezikhoyo ngoku. Iimfuno zeSatifikethi seFET nazo ziya kwahluka kwakhona - khangela kwiNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) yamaBakala 10 kuye ku-12 ( IGazethi kaRhulumente 25545 6 Oktobha 2003  [ubukhulu: 211 KB] ).
3. Makugqityezelwe izicwangciso ezibanzi, eziphakathi nezincinane (zephondo, ze-EMDC, nezesikolo) ngokusebenzisana nabo bonke abathathi-nxaxheba ukwenzela ukuqinisekisa ukuba zonke izifundo ziyafikeleleka ngokufanelekileyo kubo bonke abafundi kuzo zonke iindawo zePhondo leNtshona Koloni.
4. Ukuqinisekisa ngozinzo ngeli thuba lesigaba sokucwangcisa kunye notshintsho olungenamagxingxi-gingxi ukusuka kwiSatifikethi seMatriki ukuya kweseFET, akukho zicelo zokuqalisa izifundo ezitsha kwizikolo eziphakamileyo ziya kuqwalaselwa ngo-2005 kwiSetyhula 58/2000, ngaphandle kwezo zifundo zahlukileyo zenziwa ngekhompyutha.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:05:14