1. Kwakhona iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liza kuqhuba uviwo olufanayo lwenqanaba 3 njengoko kwakucacisiwe kwiSetyhula 74/2003. Olu viwo luya kusebenza njengenkqubo yophuhliso ukwenzela ukuxhobisa abafundi ngezakhono ezifunekayo ekubhaleni uviwo lwangaphandle olubhalwa kulandelwa imigaqo (formal external examination).
2. Ayacelwa onke amaziko emfundo oluntu abhalise kwiWCED ukuba avumele abafundi bawo ukuba babhale olu viwo kwinkalo yesifundo abazikhethele ngokwabo.
3. Bayacelwa abaphathi bala maziko ukuba bazalise ifom yedatha yobhaliso (registration data form) eqhotyoshelweyo ngomfundi ngamnye oya kube ebhala uviwo olufanayo lwenqanaba 3. Le fom mayifike kwaNdlunkulu ungadlulanga umhla wama-28 Juni 2004. Ukuba nayiphi na ifom yobhaliso ifike emva kwalo mhla ubekiweyo, iya kuba luxanduva lomphathi weziko ochaphazelekayo ukushicilela amaphepha emibuzo eziko lakhe.
4. IiMakhishiti
4.1 Olu viwo lufanayo luya kumakishwa liziko lemfundo loluntu elo.
4.2 Amanqaku oviwo lokugqibela kwakunye namanqaku eCASS aya kuboniswa njengepesenti kwishedyuli yokugqibela eya kuhamba kunye namaphepha emibuzo kamva enyakeni.
4.3 Kuya kuba luxanduva lwamaziko ukunika abafundi iiripoti zokugqibela zango-2004.
4.4 Abacebisi ngezekharityhulam bakwa-ABET baya kumodareyitha baze bavume ukufaneleka kweziphumo zokugqibela zeenkalo zezifundo.
4.5 Ikopi yeshedyuli yokugqibela evunyiweyo mayithunyelwe kwaNdlunkulu ukuze abafundi babe nako ukufumana iingxelo (statements of results) kwi-WCED. Ezi zatifikethi ziya kuthunyelwa kumaziko emfundo oluntu ngo-2005.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:04:26

ifom yedatha yobhaliso  (ubukhulu: 23 KB)