1. Kumele ukuba ngoku izikolo ziwafumene la maxwebhu iNgcaciso eMfutshane DCD/0004/2004 nale DCD 0012/2004 amalunga neprojekthi ye-PACE yoqeqesho lootitshala abangama-800 abafundisa isifundo soLwazi Banzi ngezoBomi (Life Orientation) kwisiGaba se-GET nese-FET kwizikolo eziphakamileyo, ezabaphakathi nezidibeneyo.
2. Le projekthi iyinxalenye yesicwangciso siphela seSebe leMfundo leNtshona Koloni sokulungiselela ootitshala nabafundi ukuqaliswa kweNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke kwisiGaba se-FET ngoJaniwari 2005.
3. Okuqhotyoshelwe apha yikhweshine yelizwe lempangelo (World of Work questionnaire) emayizaliswe ngabo bonke abafundi abakwiBakala 9 ezikolweni. Emva koko aba bafundi mabafake iikhweshine zabo ezipheleleyo nezicazululweyo kwiiphothifoliyo zabo zesifundo soLwazi Banzi ngezoBomi njengenxalenye yecandelo le-The World of Work.
4. Ootitshala abaqeqeshwa ngethuba lekhosi yePACE baxhotyiswe ngolwazi lokwazi ukusingatha ngempumelelo le nkqubo yaye kumele ibe luxanduva lwabo ukubona ukuba kwenziwe konke okumalunga nale khweshine.
5. Aba titshala mabancedise abafundi beBakala 9 ekusebenziseni i-CD-ROM yePACE kunye nefayili ezanikwa bonke ootitshala ababekoomasifundisane. Isiphumo salo msebenzi iya kuba kukunika abafundi ithuba lokuphanda ngamathuba abanzi kakhulu emisebenzi kuze kubakhokela ekukhetheni izifundo zeBakala 10.
6. Mazincede iinqununu zixelele aBacebisi ngezeKharityhulam abaziiNtloko ngoko nangoko ukuba zazingababhalisanga ootitshala ababini ukuba baye eluqeqeshweni okanye ukuba ootitshala abakafumani naluphi na uqeqesho.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ootitshala abasele beqeqeshelwe iPACE okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-E.Z.Z. SIYENGO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:04:04


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule kwingcaciso, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).